Iinguqu kwimithetho yengqesho

UMPHATHISWA wezemisebenzi uMildred Oliphant Uthi iingxoxo ngemivuzo kufanele ukuba zigqitywe ngokuquka onke amacandelo achaphazelekayo.

Oku kuquka iimanyano zabasebenzi kwakunye nezo zimele abaqeshi.

Oka Oliphant ubethetha namarhwebi abaphuma kumbutho i-American Chamber of Commerce. Nabazinze kweli loMzantsi Afrika.

U-Oliphant uthe imithetho yemisebenzi kweli ibhekiselele kumgaqo siseko onika iimanyano zabasebenzi ilungelo lokuba yinxalenye yeendlela zokudibanisa iimfuno zabasebenzi.

Oka Oliphant ukwathe nabaqeshi banawawo amalungelo. U-Oliphant uthe umthetho ojoliswe kumalungelo abantu kumgaqo siseko ubanika igunya lokuba umsebenzi azibandakanye nemanayno yabasebenzi ezakuthi iphulaphule isombulule iimfuno zabo.

Ukwathe ugwayimbo lwabasebenzi luyinxalenye yalo mthetho.

Ugxeke ixesha lengcinezelo ngelithi lingunobangela wobu ndlobongela obudalwa ngabasebenzi xa bebambe uqhankqalazo.

Ukwathe ukunyuka kwamaxabiso ezinto ngaphaya kokunyuka kwemivuzo yabasebenzi kukwa nendima ekuyidlalayo nebangela iingcwangu kubasebenzi.

Uthe abasebenzi basasokola ngezizathu eziliqela kwaye kubalulekile ukuba abaqeshi kwakunye norhulumente bafikelele kwingcambu yeyona ngxaki ukuze kuvele isisombululo.

Ukwathe ukungalingani, kwano buhlwempu zezinye zezinto ezibangela iingxaki phakathi kwabasebenzi kwa nabaqeshi.

“Amashishini asahlumayo angenokwazi ukuhlawula imivuzo ngokwa macandelo ezishishina phantsi kwawo zinelungelo lokufaka isicelo kwisebe lezengqesho,” uqhube watsho * -Oliphant.

Ukwante inguqulelo zamva nje kwimithetho yezabasebenzi nezisephambi kwepalamente ziziphumo zothethathethwano phakathi korhulumente, iimanyano zabasebenzi, ushishino nemibutho yase kuhlaleni.

Oka Oliphant uthi ezinguqu kulindeleke ukuba ziqinise iingxoxo nentsebenziswano ne CCMA. Impilo nokhuseleko emsebenzini zezinye zezinto ezingu ndoqo.

U-Oliphant uthe amalungu epalamente kufuneka aqwalasele imiba yemali mbuyekezo phambi kokuba awupasise lomthetho. Ulebele ngelithi kukho imfuneko yokuba kukhuseleko lwabasebenzi kuqinisekiswe ukuba akusengelwa phantsi uqoqosho.