Iingxaka-ngxaka kumaziko emfundo!

Zithe zakuvakala iindaba ziphuma kumajelo osasazo zisithi abafundi abangakhange babhalise kwangethuba ukuze bafumane indawo yokufunda kumaziko emfundo enomsila bagxalathelene, banyathelene bade bonzakalisana, kangangokuba abaninzi kubo sele belele ngandletyana-nye esibhedlele, siye asothuka singabanye kuba kaloku oku kwenzeka minyaka le!

Esi sehlo senzeke kwikholeji yaseLimpopo nebizwa ngokuba yiCapricorn TVET College. Iziphatha-mandla zale kholeji zithe zakuxakwa kukulawula loo manani abafundi abebesenza ingxakangxaka yengxuba-kaxaka kwelo ziko, baphela becela abo banegunya lokubhalisa ukuba baye kusebenzela kwibala lemidlalo nelaziwa ngePeter Mokaba Stadium.

Nalapha kwiphondo leMpuma Kapa, kwikholeji eseStruandale eBhayi, ibikwangumdudo woononkala, amagosa elo ziko exakene nokwanda kwamanani abafundi abebeze kucela ukubhalisa ukuze bamkelwe njengabafundi kwelo ziko.

Ngangendlela abebe baninzi ngayo abo bafundi baye bavala nendlela kwanzima ukuhamba kwizithuthi ezisebenzisa loo mgaqo iStruanway ukufuphi naloo kholeji. Kude kwanyanzeleka nokuba kungenelele amagosa omthetho ukuze loo meko ibe nokulawuleka. Kuwo omabini la maziko, nakumanye amaninzi endingawakhankanyanga, kufumaniseke ukuba abafundi abaninzi abasagoduki, koko baxolela ukulala kumasango aloo maziko ukuze babe nokuba phambili kwimigca eya kwii-ofisi needesika ekubhaliselwa kuzo.

Bambi ke kwaba bafundi baphela beyoba, bequleka, bambi kubo bade bafe isiqaqa ngenxa yokukhotheka lunxano nokubethwa linxele likaKhethsekile.

Kaloku aba bantwana bahlala kuloo migca bengenamanzi nakutya, lugqugqise xa kulapho ke ngoku unxano nendlala.

Bambi kwaba bafundi kuthi kwakuvulwa amasango aya kwii-ofisi zokubhalisela, kugxalathelwane kunyathelwane kangangokuba maxa wambi bonzakalisane bade babulalane.

Unobangela woku ke kukuba bonke aba bafundi benza le nto, basilele ekubhaliseleni ukufunda kwangethuba.

Kunyaka wonke ka-2017 aba bafundi bebesenza iBakala le-12, baye ababi nalo ithuba okanye ixesha lokuzidina ngokufaka izicelo kumaziko emfundo enomsila kuselithuba.

Amaziko afana neeyunivesithi kwanezinye iiTVET Colleges, ziyibeke yacaca ukuba akukho mfundi ungakhange agcwalise iifomu zokufunda kwi-intanethi oza kukwamkelwa nozakuvunyelwa aye kumasango aloo maziko ngeenjongo zokuya kubhalisa.

Iinjongo zala maziko ekuvumeleni abafundi ukuba babhalise kwi-intanethi, kukuzama ukunqanda oku kugxalathelana kukhokelela kwingxakangxaka xa kuqala unyaka wemfundo kumaziko emfundo enomsila.

Ewe sikho isikhalo esithi abafundi basezilalini abakhange bafikelele lula kwiindawo ezine-intanethi ukuze benze izicelo zokufunda.

Ngumba ke lo omele kukuqwalaselwa ngawo onke amaziko emfundo enomsila, ukuze abafundi abasuka emaphandleni nasezilalini bangabekelwa bucala kwinkqubo yobhaliso.

Okunye okunokunceda kukuba ootitshala bezifundo zezakhono zobomi (Life Orientation), bazame ukuba ngexesha lokwenziwa kwezicelo zemfundo enomsila, bacele iSebe lezeMfundo likhuphe iibhasi eziza kulanda abafundi ezikolweni, basiwe kumathala eencwadi akufuphi nanezixokelelwano ezine-intanethi, ukuze abafundi bawasebenzise ekwenzeni izicelo zabo zokufunda.

Nezixhobo ezaziwa ngee-mobile libraries nazo zingaya kufikelela ezikolweni zisetyenziswe kweli phulo lokufakwa kwezicelo zokufunda.

Kwabo bafundi basuka ezilokishini nasezidolophini, elam lithi ingxaki ikubo kwaye necekwa lilele kubo. Inkoliso yezikolo zasezilokishini nasezidolophini zinazo izixhobo ezine-intanethi.

Ezilokishini nasezidolophini zikho neendawo ekungenwa kuzo ukuze umntu asebenzise i-intanethi nezibizwa ngee-Internet Cafes. Kukwezi ndawo ke apho abafundi banokufaka kuzo izicelo zokufunda ukuze bayeke oku kugxalathelana kumaziko emfundo enomsila rhoqo ekuqaleni konyaka.

Eyona nto indiphatha emanyeni kukuba xa ndisiya kwezi ndawo zine-intanethi, ndifika abantwana bethu bebaninzi kuzo, bengena kuFacebook, kuTwitter nakuYoutube, kungenjalo berekhoda okanye befunxa iindidi ngeendidi zeengoma nomculo, endaweni yokusebenzisa ezi ndawo ekuphandeni ulwazi nasekufakeni izicelo zokwamkelwa kumaziko emfundo enomsila.

Okunye okubuhlungu kweyam intliziyo kukuba xa kuthethwa ngabafundi abangabhalisanga kwangethuba, abafundi abafa yindlala, unxano, ukutyhalana nokunyathelana kumasango amaziko emfundo enomsila, kusoloko ingabafundi abantsundu.

Oku kuthetha ukuba siluluntu sivula zibhuqe sibayeke abantwana benze unothanda endaweni yokuba bachithe ixesha besenza okwakhayo.

Oku kukwathetha nokuba abantwana bethu banako ukungakhathali ncam ngekamva labo. Ndiyaphinda, ngela xesha lesa sifundo seLife Orientation, ukuba ikho indlela, makubekelwe bucala iyure enye rhoqo ngeveki, phakathi kwenyanga kaTshazimpuzi neyeKhala, kuvunyelwe abafundi ukuba benze izicelo zokufunda kumaziko emfundo enomsila ezikolweni abafunda kuzo, okanye basiwe kwiindawo ezine-intanethi. Khanivuke emaqandeni bantwana bakowethu!