Iingxaki bayazazi, baxinge phi?

Ndizive ndingenako ukuthi cwaka emva kokufunda inqaku lakho (01 EyeSilimela 2016, ikhasi 11) elithetha ngezifundiswa ezingenzi nto ngezo zinto zizifundeleyo okanye ziziphandileyo.

Ewe kunganjalo, ingakumbi xa sifundele izinto ezifika zingabinayo ncakasana indawo kwintlalo yethu.

Okokuqala xa sisenza uphando, sicela imvume kumaSebe aqondene nezihloko ezo. Kwakhona sifumana isiqinisekiso senkxaso yesihloko sophando olo kunye nendima olunoyidlala kwabo bachaphazelekayo.

Yonke le nto yenziwa ngenkcitho-mali evela kwimizi namaSebe anikisa ngenkxaso-mali ukuze kuphuhle ezi zifundo. Kubamnandi nje kuphela ngexesha kusenziwa izivumelwano ngezifundo ezo, kodwa emva kokuba abafundi bephumelele, kunqabile ukuba kubekho imisebenzi eqondene noko bebekufunda. Nalapho ithe yakho khona loo misebenzi, kunqabile ukuba ibe ijoliswe ngqo kuloo nto abafundi abo bebeyifunda okanye besenza uphando ngayo. Izidanga ke ziba zezamaphepha nokwenza nje indumasi yomzuzwana.

Yeyodwa ke eyokuba ubani alandele ngokunika ingxelo ngophando lwakhe kwelo Sebe likaRhulumente, suke ibeyinam nawe ibhulukhwe yasetrongweni!

Ubonakale njengomntu ozekufuna injezu okanye ophuphayo. Loo mqulu wakho soze uye kufika nakwabo bafanele baqwalasele ukuba iziphumo zophando lwakho zingancedisa njani kwiinjongo zeSebe elo kunye nophuhliso lwesizwe.

Luphi ke unxibelelwano phakathi kweeDyunivesithi ezizivulela amathuba ophando ngezihloko ezitsha kunye namaSebe kaRhulumente? Asingabo bonke abafundi abenze uphando, abangazamiyo ukwenza igalelo kuphuhliso loluntu, nto nje, kuya- ngokuthi le nto bayifundeleyo ikhathalelwe kangakanani ngabasemagunyeni.

Ukujolisa kubafundi, ndingenjenje; ukuba ubufundela into ongayiphiliyo okanye waphiwa isihloko sophando ngumhlobo okanye abazali bakho, awungekhe ukwazi ukwenza igalelo elililo. Kufuneka ukuba ukwazi ukukhangela amathuba avulelekileyo ajoliswe kule nto ufunde ngayo nale wenze ngayo uphando.

Izinto ezifana nale ndiyifundeleyo, umzekelo, “indima enokudlalwa ziintsomi zesiXhosa ekufundisweni kwabafazi abakhulelweyo kwiiklinikhi zaseMpuma Koloni”, azinandawo itsolileyo ezingena kuyo kuba izinto zesiXhosa aziniki mdla kanye kwaba basemagunyeni.

Ukuba ke umfundi akazingci kuqala ngalo nto ayifundeleyo, azame ukuzifukuzela, inkal’ ixing’ etyeni ke xa kulapho!

Okokugqibela, ingaba kulula ukuzifukuzela xa kunqaba izixhobo ezo zokuphakama uyokwenza loo nto uyiphandileyo kwiyunivesithi nekholeji leyo?

Hayi akulula konke konke, awunayo nepeni emdaka, amathuba agushwe kwangabo bafanele ukuwaveza. Ukuba awukho ngasemfuthweni wolwazi wokomela emcingeni uxele intethe! Akungencedi ke ukuba sizazi iingxaki, kodwa singabinampangelo okanye izixhobo ezizizo zokuzifukuzela ukuze senze igalelo elo lilindelekileyo.

UNompucuko Zakaza uzisebenzela ngeentsomi zesiXhosa eQonce kwaye wathweswa isidanga seeMasters kwicandelo leelwimi zesiNtu eRhodes koka-2015.

Impendulo yomhleli: Siyabulela ngezimvo kwaye uvakele!

Ngethemba lokuba abafundi bephepha bakuzuza kuzo. Kwelethu icala, siyazibona iingxaki zentswelangqesho kunye nokungafumani inkxaso kumaziko namacandelo karhulumente.

Kunzima kwelo cala. Kuphinde kubenzima mpela ukuzifukuzelela uziqalele eyakho into uwedwa. Apho sizigxeka kakhulu izifundiswa kukumba wokungaqali msinya, besengaphakathi kwiiyunivesithi.

Xa ukwiyunivesithi ungqongwe zizixhobo ezininzi eziquka neendidi zeencwadi kunye nabantu abanamava abanokuncedisa.

Umntu kufuneka aqale esepha. Umzekelo neli iphepha lesiXhosa laqalwa ngaphakathi eyunivesithi; uphando lwamaphepha esiXhosa kunye neendlela zokupapasha sazifumana apho phambi kokuba siyokudibana nabakwa-Independent Media basincedisa.

Ithuba liqala pha ngaphakathi, qha ingathi abafundi nezithwalandwe azisebenzisani; wonke umntu wenza eyakhe into angazi nokuba kanti umelwane uphanda into efanayo. Kube ke kuphoswe ithuba lokusebenzisana. Xa sijonga apha eMpuma Koloni singathi kufuneka umnatha wabantu abafunda ngeelwimi zesiNtu; badibane qho kwabelwane ngolwazi nezinto ezintsha siqhubeni.

Apha ezivekini sakupapasha isimemo kubo bonke abasebenza ngesiXhosa ukuba badibane, sazi ukuba ubani wenza ntoni nabani phi siqale ukusebenzisana. Xa sizama ukutshintsha izwe soze sikwazi ukulitshintsha sodwa.

Izifundiswa, ingakumbi ezisepha ngaphakathi kwiiyunivesithi zezona zinokuncedisa ngezixhobo nolwazi. Makusetyenziswane.