Iingxaki ezombethe ulutsha lwaseNdevana!

Ukungabikho kwamathuba emisebenzi kulutsha lwaseNdevana ngaseQonce kunefuthe kwizinga eliphezulu lokusetyenziswa gwenxa kweziyobisi kwanolwaphulomthetho. Okunye ubuninzi beendawo zentselo kule Ndevana nako kunegalelo kuba ulutsha luchitha ixesha kwezi ndawo ngenxa yokungabinanto yokwenza.

Oku kubangele ukuba imibutho engenanto yakwenza norhulumente iMasimanyane Women’s Rights International kwakunye neBumb’ iNGOMSO zingenelele ngokuthi zihlabe ikhwelo kulutsha ekubeni luze ngaphambili ngeenzame zokulwa oku.

iMasimanyane Women’s Rights International kwakunye neBumb’ iNGOMSO bahlab’ikhwelo lulutsha eNdevane Eli phulo lokuxhobisa uluntu ngezenzo zeGBV, belibanjelwe kwirenki yezithuthi eNdevane. Umfenekiso ngu: BHEKI RADEBE
iMasimanyane Women’s Rights International kwakunye neBumb’ iNGOMSO bahlab’ikhwelo lulutsha eNdevane Eli phulo lokuxhobisa uluntu ngezenzo zeGBV, belibanjelwe kwirenki yezithuthi eNdevane. Umfenekiso ngu: BHEKI RADEBE

Eli phulo lokuxhobisa uluntu ngezenzo zeGBV, belibanjelwe kwirenki yezithuthi eNdevana ngoLwesibini kule veki.

UBongiwe Menqe ongomnye wetshantliziyo nokwangumsebenzi kwiSebe loPhuhliso loLuntu uthi uyayazi ukuba amathuba emisebenzi anqabile kodwa ukhuthaza abantu abangoosisi ekubeni bavuke bazenzele, bangaxhomekeki emadodeni.

“Uloyiko lwam kukuba xa umntu ongusisi engaphangeli exhomekeke kumntu ongubhuti ahlalisana naye, maninzi amathuba okuba axhaphazeke lo sisi kuba kaloku uxhomekeke kule ndoda, kwaye nendoda ibe negunya lokumxhaphaza kuba imazi akanamva namphambili,” utshilo uMenqe.

ULerato Nocanda weMasimanyane Women’s Rights International uthi uthetha ngento ayaziyo kuba sele ekhe wahlala eNdevana, yeyona ndawo ihamba phambili ngolwaphulomthetho ngenxa yokuba ulutsha alunanto yokwenza. Uthi ukukhulelwa kwabantwana abangamantombazana, iziyobisi, iHIV, ukubulawa kwamakhosikazi kwenzeka eNdevana. Uthi ziilali ezi, awakwazi ukuthetha xa exhatshazwa amanina kuba esoyika ukujajwa luluntu.

“Silapha kuba sizokubonisa uluntu ukuba ikhona indawo yokukhalela xa lujongene nezi ngxaki. Luninzi ulutsha apha eNdevana kwaye aluphangeli, abantu baphila ngabantu apha. Abangamantombazana baxhomekeka emadodeni nto leyo ibenza ukuba bonqene ukufuna imisebenzi kwanokuvolontiya, kungoko liphezulu izinga lolwaphulomthetho. Siza kuzama abantu abatsha namhlanje ekubeni baphakame bazenzele kwaye beze nangaphambili abafuna uncedo.

Umama uNobefu Mthetho waseGugulethu eNdevana, 66, nobephulaphule ngethuba kuqhuba le nkqubo, encokola neli phephandaba uthe: “Ndiyavakalelwa, akumnandanga kwaphela kuba sinabantwana abahamba ngobusuku! Ukufa ngoku kusebantwaneni! Usizi lwento, bebulawa ngabantu abathandana nabo abangafuni ukulahlwa, abanye babulawe nje bezihambela. Sicenga uThixo ekubeni angenelele kwindalo yakhe. Yanga abenzi bobubi bangatyiwa sisazela xa benokumamela le nto ithethwa apha yiMasimanyane.”