Iingxaki kwimveliso yerhalinati

Nangona kunconywa umyinge wamanzi ophezulu kumadama aphambili kwisithili saseChris Hani, amafama werhalinati eMitford ngaseHewu ayakhala.

hshshshhhs

La mafama akhalela ukutshabalala kwemveliso yawo yerhalinati ethe yatshabalala ngenxa yamanzi nemvula enqabileyo.

Ingxelo yala mafama ithi esi sityalo sixhomekeke ngamandla kwimvula eyaneleyo ethi isakungabikho basebenzise amanzi wedama elikufutshane. Usihlalo wokopolotyeni wale fama, uWilliam Fani, uyangqina ukuba ngenene ikhona ingxaki eMitford.

“Sixhomekeke ngamandla kumanzi edama apha, wona asuka emvuleni, xa ingekho imvula eyaneleyo siyalahlekelwa kakhulu. Azikhuli ngokwaneleyo iziqhamo zethu,” kutsho uFani.

Uthi intle intsebenziswano phakathi kwabo noMasipala weSithili saseChris Hani ukuzama ukukhulisa le fama yeRhalinati.

“Xa inethe kakuhle imvula apha, ligcwale eli dama sinkcenkceshela kakuhle. Xa ligcwele amanzi ahlala iminyaka emibini singenangxaki,” utsho uFani.

Ukanti kunyaka ophelileyo imvula ibintle kwaye nesivuno sabo besisihle, kodwa zibekho iingxaki.

“Kunyaka ophelileyo ingxaki ibe kukuthengiswa kwayo. Asikhange sifumane malike yokuthengisa, yahlala apha yade yabola ingahambi irhalinati,” kutsho uFani.

Uthi isisombululo sengxaki yabo kukuba banikwe amanzi aneleyo namathuba okungena kwiimalike eziphambili ehlabathini.

“Sicela ukwenzelwa umpompi othembakeleyo kuba ngoku sixhomekeke kumanzi asuka emvuleni. Xa sinompompi sakuhlala sinamanzi logama sikhangela imalike kwelinye icala,” utsho uFani.

Ilizwe laseNdiya lihamba phambili ngokuvelisa iindidi ngeendidi zerhalinati kwihlabathi. Ngenxa yoku ela lizwe livelisa, likwathengisa irhalinati iinyanga ezilishumi elinesibini zonyaka.

UMasipala weSithili saseChris Hani ngomnye kwiinkampani ezixhase ukusungulwa nenkqubela yeli phulo lokuveliswa kwerhalinati.

Othethe egameni loMasipala weSithili saseChris Hani, uBulelwa Ganyaza, uthi bayazazi iingxaki zala mafama erhalinati.

“Enye yeengxaki eziphambili eMitford kukunqongophala kwamanzi. La fama ixhomekeke ngamandla kumanzi wedama elukufutshane phaya. Ngenxa yeemeko eziguqukayo zemozulu awakho amanzi,” kucacisa uGanyaza.

Uhambisa athi bebambisene namafama werhalinati eMitford bakhangela isisombululo sexesha elide.

“Phakathi kwezinye izinto esijonge ukuba zenzeke phaya kukuba kugrunjwe umpompi othembakeleyo ukuzisa amanzi. Sikwajonge ukufakela iphiko eliza kudontsa amanzi oneleyo kwisicwangciso sexesha elide,” kutsho uGanyaza.

Ukuvaleka kwemibhobho ebalekisa amanzi okanye imeko yokuhlala namaqondo obushushu kubangela iingxaki kwimveliso yerhalinati.

Izakhamzimba ezifumaneka kwirhalinati zibangela ukucoceka kwesikhumba logama ikwavula iintunja zesikhumba. Esi siqhamo siyazama ngamandla aso ukuncedisana nokuthoba amafutha emzimbeni. Ukwehla kwamafutha kubangela ukwehla kobunzima kumzimba lowo. Irhalinati iqinisa amathambo logama ikwahlupheza amajoni omzimba ukuba alwe ngamandla nezifo ezingena emzimbeni.

Isithili saseChris Hani sineefama ezivelisa iziqhamo eziquka iorenji, amazimba nombona omninzi.