Iingxaki zesijolo nezasekuhlaleni

Ingxaki: Bawo, ndinalo mntwana. Samithisana ngoku asivani.

Impendulo

Molo bhuti, awundicacelanga kakuhle umbuzo wakho kodwa ndizakuzama uwuphendula.

Mna ndicinga ubungafanelanga uyayiqala into yokuhambisana nomntwana ngoba umntu omdala nomntwana iingqondo zabo azilingani.

Ngoku xa nimithisana ingxaki izakubakhona ngoba kaloku indlela yokuthetha-thethana ayidibani. Xa ekhulelwe bhuti into ebalulekileyo kukuba umxhase de abeleke, uhoye usana lwakho njengotata walo niqhubeke ngobomi nikhulisa umntwana wenu, eyenu xa ingalungi okanye ingalunganga uyibeke ecaleni. Enkosi.

Ingxaki: Molweni. Mna ndinengxaki nesidyolo. Ndikhawuleza ndigqibe xa kuwelwa iziko.

Impendulo

Molo bhuti, mhlawumbi ingakunceda into yokuba uzifundise ukuzibamba xa uwela iziko. Uzame indlela yokuzilawula ungakhawulezi uchame, uzixelele ukuba umntu obalulekileyo ngulo mntu uwela naye iziko hayi wena kuphela, mhlawumbi ungakhona umahluko.

Ngamanye amaxesha ootata babanomdla kakhulu xa besiva ubumnandi kube nzima ukuzilawula, umntu aphele ekhawuleza ukuchitha, lo nto yonke ilapha engqondweni ingalunga xa unoyilungisa kwalapha kuwe. Enkosi.

Ingxaki: Molo sisi. Ndinengxaki yokuya exesheni oko ndaqala ngo-2008, andide ndincedakale, kudala ndisiya kooGqirha, emagqirheni, emaxhweleni, koPastor -andincedakali.

Ndide ndenzelwa imbeleko ekhaya, kwedlula apho, xa ndisiwa emntwini wesiXhosa uthi ngumbango lo, ndenziwa ngumntu kuba efuna ndohlukane notata wabantwana bam.

Nyani wandishiya apho nabo bantwana, qha sendidinga uncedo ngoba andide ndifumane mntu undinyangayo, bayohluleka.

Impendulo

Molo sisi, inzima le ngxaki yakho xa sowuzame ndawo yonke. Kodwa mna ndizakuthi musa ukulahla ithemba thandaza ukholelwe ngentliziyo yakho yonke, naxa uzama uncedo kholelwa uba uzakuncedakala.

Andiyazi nokuba lo mntu ukususa kutata wabantwana usenaye na, ngoba bendakucela uzithobe nakuye umcele akukhulule ngoba impilo yakho ayikho ntle. Xa kwenzeka ngolu hlobo noko naye ndinethemba lokuba uyakuvakalelwa akhulule apho abophe khona. Enkosi.

Ingxaki: Molweni sisi, ndingumfundi weli phephandaba. Ndicela ukubuzelwa le nto kwisebe lezemfundo, apho ndenza izifundo zeSocial Science emveni koko ndenza iPGCE ukwenzela ukuba ndizokwazi ukuba ngumfundisi-ntsapho ePrimary, kodwa ngoku bathi andikhwalifayi ngoba andinazo iiSubject zoba ndihlohle, ndicela uncedo kakhulu sisi.

Impendulo

Molo sisi okanye bhuti, impendulo abakunike yona ndiyacinga ukuba yeyona ivakalayo. Kumabanga aphantsi emfundo le nto uyifundeleyo ayifundiswa, mna ndingacebisa ukuba uzame ukufunda enye yezifundo ezifundiswayo kumabanga aphantsi.

Okanye uzame ukuba livolontiya kwisikolo esikufutshane nawe ujonge nezifundo oye wabalasela kuzo kwimatriki ezinganceda xa uvolontiya. Iingcango zakude zivuleke exesheni. Enkosi.

Ingxaki: Ndinengxaki. Ndithandana nomfana, undicela umntana, ndithi kuye ngeke ndikwazi ukuba nomntwana, uthi yena ujola nam ndodwa ngoku wathi masiyeke ujola, kuba mdala yena engenamntwana. Ndicela ukubuza, ingaba uyandithanda lo mfana xa engakwazi kundinyamezela xa ndithi ngeke ndikwazi ukuba nomntwana, yena athi masiyeke ukujola.

Impendulo

Molo sisi, akakuthandi loo mfana ufuna umntwana qha into ephambili. Eyokuba ejola nawe ayithethi nto kwaye ndiyacinga ukuba ebekuthanda ebeza kuzimamela izizathu zakho zokungakwazi ukuba nomntwana naye, kwaye ufanele akutshate kuqala. Mkhulule sisi xa kubaluleke umntwana kuye ngaphezu kokuthandana kwenu, azokufumana le nto ayifunayo. Enkosi

ufuna iingcebiso? tHUMELA