Iingxaki zesilalo kwelaseMnquma

Abahlali baseGcuwa beqhankqalaza phambi kwamasango omasipala waseMnqumaUMFANEKISO: SIYANDA ZAKHE

“UKUBA awufuni neempundu zakho kweli gosa laseMnquma liyakuchukela emva koko likugxothe okanye likungcikive apha emsebenzini.”

Eli libango lenkosikazi esebenza kumasipala waseMnquma ethi ngamatyeli iqhaswa ligosa eliphezulu kulo masipala. Maxa wambi eli gosa likhe lachitha ixesha licela le nkosikazi, etshatileyo, lisithi lifuna bayochitha impelaveki bobabini ehotele.

Iinjongo, ngokokutsho kwale nkosikazi, ibikukumqhubezela ukuba avume nanjengoko eli gosa lidume ngokwenza njalo kwabanye abasebenzi abangamakhosikazi.

Eli gosa leliya lalityholwa kwinqaku elalipapashwe liphephandaba I’solezwe phantsi kwesihloko esithi ‘Ibholo lesilalo kumasipala waseMnquma’. Kwelo nqaku inkosikazi engumsebenzi waseMnquma yaxelelela I’solezwe ukuba eli gosa layinyanzelisa ukuba imunce ilungu layo langasese phambi kokuba babelane ngesondo, emva koko yaqashwa kwamasipala.

Inkosikazi yakutshanje ixelele I’solezwe kwiveki ephelileyo ngelithi ayihlelanga ndawo ngenxa yokuchukelwa leli gosa kuba ingavumi ukuya kukhwela nalo ebhedini.

“Apha ngaphakathi singabasebenzi abangamakhosikazi sidiniwe kukuphathwa gadalala leli gosa elihleli nje lifuna isilalo kuthi. Ukuze uthandwe leli gosa kufuneka uthuthe ulwimi langaphandle emva koko ulalwe lilo.

“Ukuba awuzenzi ezonto, uzakugxothwa okanye ungcikivwe. Uthi ngoku ufundele umsebenzi othile, kuthiwe hamba uyococa izitalato. Eli gosa alonqeni ukusixelela ukuba uza kuwushiya uMnquma ukuba awuvumi neempundu zakho,” kutsho lo msebenzi.

Uthi ngenxa yokungavumi nokulala neli gosa uzibona esemngciphekweni wokuphulukana nomsebenzi wakhe. “Ndiye ndalixelela eli gosa ukuba ndiyayazi ukuba yintoni ebangela ukuba lifune ukundigxotha, yile yokuba ndingafuni neempundu zam,” kubanga lo msebenzi.

Le nkosikazi ithi ayithenjwanga nayindoda yayo kuba eli gosa lidume ngokulala abafazi babantu. Eli bango lokulala abafazi babantu leli gosa lingqinwa nangobesakuba ngumsebenzi eMnquma othi eli gosa laphantse lasengxakini kwindlu yalo eseGcuwa emva kokuba ndoda ithile yayivutha ngumsindo isithi umfazi wayo ulele negosa eli. Kuthwa kwanyanzeleka ukuba kubizwe abezokhuseleko ngalo mini.

Enye inkosikazi ebisakusebenza eMnquma ithi yabona ukuba mayihambe kulo masipala emva kokuba ibone eli gosa lifaka amakhosikazi angenamava kwisikhundla eqonda ukuba ingenza ngcono kuso. Le nkosikazi ithi yayikhe yaqhaswa leli gosa kodwa ayavuma.

Amabango okuphathwa gadalala kwamakhosikazi eMnquma aqale ukuphakanyiswa yiMnquma Forum Against Corruption ekuqaleni konyaka ophelileyo.

Isithethi kumasipala waseMnquma uLoyiso Mpalantshane uthi eli gosa lithi akukho nyaniso kula mabango.