Iingxaki zoluntu nesijolo

Ingxaki: Molweni Sisi, ndingutata aph’ eMdantsane, nditshatile, kodwa kwenzek’ impazamo yokuba ndifumane amawele kusisi ngaphandle, ngoku abaziwa emtshatweni kuba unkosikazi ukhohlakele kakhulu, ngoku ndibondla ngokuyiba imali, andisavani nomama wabo ndicel’ uncedo. Ndiyabathanda ngenene kodwa endlini ndoyika ukubachaza ngath’ unkosikazi angabaloya ndlela anenzondo ngayo.

Impendulo

Molo Tata, ndicinga ukuba kufuneka ume uqine womelele ujongane nomfazi wakho, umxelele ukuba kukho abantwana obafumane ngaphandle, ngokuba ngabakho abazokujika kwaye ukubafihla kuzokubangela bacinge awubathandi ngokwaneleyo.

Unkosikazi wakho kufuneka umcenge abamkele abantwana bakho ngokuba inyani yona izakuvela nokuba kunini na, ucele uxolo nangale nto uyenzileyo. Enkosi.

Ingxaki: Ndinomyeni, ndinomntwana kuye, siseKapa, akanafemeli ngaphandle ko-Anti wakhe angamthandiyo, ndinomvandedwa wokuba mhla angaze abe nengxaki ndoze ndithini na kuba nakulonina wagqibela ngonyaka angawaziyo kwayena, ndifuna iingcebiso.

Impendulo

Molo Sisi, thetha nomyeni wakho aye kowabo ngokuba aniphelelanga apho eKapa, kungenzeka nibuye kwaye nanjengokuba usitsho ukuba kungavela ingxaki awuyazi uzakuthini na.

Mcacisele ukubaluleka kosapho nemvela phi yakhe, kodwa umxhase nanjengokuba engumyeni wakho nengxaki eyakuthi ivele yeyenu asiyiyo eyakhe kuphela. Mnqwanqwade sisi azame nokumxolela uAnti, nangona singayazi ukuba yintoni ebangela angamthandi kodwa ligazi elinye. Enkosi.

Ingxaki: Bafundi bephepha ndicela nindicebise, ndamithisa intombazana yakuQumbu kwilali yaseMvumelwano ndamhoya umntwana.

Ngoku umam’omntwana wenda ngoDisemba, wendela eLady Frere esiyo kwenda nomntwana wam, ithiwani into enje ngale.

Ngoku andonwabi ndicinga ngomntwana wam lo ahambe naye. Okanye undishiya kuba ndisebenzela inkampani, yena lo mfo aye kuye iyiParamedic. Khanicebise zihlobo.

Impendulo

Molo bhuti, ukuba usisi lo akakuvaleli amathuba okubonana nomntwana wakho andiboni ngxaki kakhulu, kodwa wayefanele uthethile nawe ngalo mba, nivumelane ukuba nizakwenza njani.

Ukuba usenengxaki ndicebisa uyokummangalela okanye ufune iingcebiso ngokufaka isicelo sokutsalelwa umnxeba ngabezoncedo kwezomthetho kulo mnxeba 079 835 7179, uzakufumana inkcazelo nangamalungelo onawo njengotata womntwana. Enkosi.

Ingxaki: Mandibulise kwiphepha lesixhosa I’solezwe, ndicela uncedo, ndaswelekelwa ngumama wam ndisemncinci kakhulu, ukutsho ukuthi umama andimazi, ndakhuliswa ngumamomncinci (stepmother).

Umama kuthiwa wayeyititshalakazi enomzi wakhe kunye notata, waze wasweleka endishiya mna notata.

Waze utata wazeka umfazi wesibini lo ndithi uye wandikhulisa ndicinga ukuba uyandithanda kanti akathethi lo nto, ndakhula ndabamdala, wasweleka utata xa ndinamashumi amabini eminyaka, waqala akandifuna nyani lo mama wajika zonke izinto wazibiza ngaye nditsho nkqu nomzi lowo kamama neemoto ngokunjalo neemali zikamama nezikatata zange ndifumane nesenti emdaka mna, kodwa utata wayephangela kwaPublic Works.

Ndicela uncedo bantu ndingangena kowuphi umnyango ze ndazi ngeemali zikatata nomama. Enkosi.

Impendulo

Molo, uxolo ngentlungu okuyo. Ukuba unawo amaphepha kamama wakho notata wakho, nayo yonke into esisiqinisekiso sokuba ngabazali bakho kwaye babenomzi lo ngoku ungaselokhaya kuwe, ndicela uzame ukuwaqokelela uwagcine kwindawo efihlakeleyo ukuze xa uwadinga uwazi apho akhoyo.

Okwangoku iindaba ezimnandi zezokuba ungakwazi ukwenza isicelo sokutsalelwa umnxeba (please call me) ku 079 835 7179 bazakubuyela kuwe, ubachazele le meko yakho, banceda abantu ngeengxaki ezidibene nezomthetho.

Uzakucetyiswa phaya ukuba wenze njani, uzakuncedakala. Enkosi.

Ingaba unengxaki kwintlalo okanye isidyolo ongathanda sikucebise ngayo? Sithumelele umyalezo kuWhatsapp

wethu 063 734 1944