Iingxoxo nesiko ngeKumkani yamaXhosa

NJENGOKUBA uKumkani Mpendulo Zwelonke Sigcawu ethe wakhatshwa (wangcwatywa) kwiveki ephelileyo, umbuzo okubantu abaninzi kukuba ngubani oza kuba yiKumkani yamaXhosa.

Njengoko nothathatha esazi, iKumkani ikhatshwe ngesidima esiyifaneleyo kumngcwabo obubanjelwe koMkhulu eNqadu kuGatyana uqhutywa ngamajoni eli nanjengoko uMongameli Cyril Ramaphosa ebedizile, enika le kumkani umngcwabo okwibakala labo bahloniphekileyo elizweni. Wena Thabo Mbeki, wena Patrice Motsepe, nezinye izihlonipheki bebewuzimasile lo mngcwabo.

Njengoko abantwana begazi behlala besitsho, isizwe alinakutshona ilanga singakhokelwanga.

Ewe amaTshawe ebedibene kwiintsuku emva kweendaba zokukhothama kukaKumkani Zwelonke, apho athe abeka uNkosi Anderson Dumehleli Mapasa njengebambela lokukhokela amasiko nezithethe enziwa xa kukho umsebenzi omngakanana – wokukhapha iKumkani. Kodwa umsebenzi kaMapasa, ngokokutsho kwamaTshawe, uphele la mhla womngcwabo.

Isithethi sakoMkhulu uNkosi Xhanti Bambilizwe Sigcawu uxelele I’solezwe lesiXhosa kule veki ukuba: “Siyathetha ngalo mcimbi silusapho kuba injongo yethu kukuba lo mba ulandelwe ngendlela efanelekileyo. Akukho suku silubekileyo okanye endinakuthi nalu, kodwa siyaqhuba nokuthetha silusapho.”

Ngokwesiba likaMpumelelo Makuliwe, ophanda ngemiba yemveli, abafazi bakaKumkani Xolilizwe Sigcawu, ozala uKumkani Zwelonke, bami ngolu hlobo:

“NguNkosikazi uNondwe intombi kaNyangilizwe kumaMpondo aseNyandeni. Lona ke ngumfazi omkhulu. Igama likaNondwe lakowabo nguFeziwe. UNondwe uzele unyana ogama linguSiseko ‘Nondoda’ A! Zwelethu!’ nentombi uNomaGcaleka eyendela kwaMatanzima kunyana kaNkosi

Ngangomhlaba Matanzima. Ngelishwa uNondoda waba ngumntu okhubazekileyo ogula sisifo esinxulumene nengqondo, baza ke ubukumkani banikelwa kwiqadi lendlu enkulu.

“Indlu yasekunene ngumama uNogaweni. Le nkosikazi izala unyana uAhlangene Sigcawu neentombi uBukelwa, uThobeka noFila.

“Iqadi lendlu enkulu ngumama uNozamile. Le nkosikazi izala uKumkani Mpendulo nowathi wangena ezihlangwini zikayise uKumkani uXolilizwe kunye nonyana uSimphiwe neentombi uVuyiswa noNontathu.

“Iqadi lendlu yasekunene ngumama uNolitha.

Kule ndlu akubangakho mntwana. Ixhiba uNkosikazi uNolusapho intombi yakwaGoqolo. Le nkosikazi izele unyana uPhandulwazi, Ah! ‘Ntabothando’,” lutsho usiba lukaMakuliwe.

Ngokwenkosazana yakoMkhulu, uNomaXhosa Sigcawu, eyakhe yenza ubango emva kokukhothama kuKumkani Xolilizwe, uMakuliwe uyichuba ngolu hlobo imbali: “UNomaXhosa yintombi kaKumkani uZwelidumile Sigcawu ozala uKumkani uXolilizwe Sigcawu ozala uKumkani uZwelonke.”

Uthe akuba ebekiwe uKumkani uZwelidumile, abafazi bakhe babiwa ngolu hlobo:

UKumkanikazi uNozizwe intombi kaNkosi Isaac Masikizi Vulindlela Matiwane emaMpondomiseni ogama lakowabo linguNompucuko, nongunina kaNomaXhosa wenziwa undlunkulu, oyena mfazi uza kuzala ikumkani.

“Olandelayo nguNodarhabe intombi yasemaKwayini, uyise wayo nguMangwatha, lowo ngunina kaXolilizwe Sigcawu owenziwa iqadi le ndlu enkulu.

Olandelayo nguNohombile intombi kaThokwe emaKwayini kwaGcaleka. Olandelayo nguNowinile intombi kaNontshizelo eMatolweni kwaDlangamandla. Ngelishwa uNozizwe akazange abenaye umntwana oliduna,” kwabhala uMakuliwe.

Kodwa uKumkani Zwelonke ukhe wayichaphazela indima yongangena ezihlangwini zakhe, ngethuba ethetha kumsitho owawubanjelwe eDutywa kweyoMsintsi kulo nyaka. “Mandiyibeke elubala ukuba akekho umntu oza kuphinda abeyikumkani emva kwam ngaphandle konyana wam,” watsho uKumkani Zwelonke.

UKumkani Zwelonke unaye unyana osele elukile.

Umgidi wakhe wawenzelwe eNqadu ngo2014.

Akucaci ukuba lo nyana kaKumkani Zwelonke uphuma kweyiphi indlu ngokokwabiwa kwabafazi baKomkhulu.