Iingxwelerha kwinkomfa yeANC

Igazi emva koqulukubhode e-ICC

Babalekiselwe esibhedlele abathunywa beANC kwinkomfa yeANC ephondweni ebanjelwe eICC eMonti emva kokubethana ngezitulo kulandela ukungavisisani ngeenkqubo emazilandelwe kwinkomfa. 

Iqela elixhasa uPhumulo Masualle obekhuphisana noOscar Mabuyane lilo eliqale lo mlo kwaye liye lahamba emva kwale nkomfa.

Isithethi seANC uZizi Kodwa uthe: “Sizamile ukunqanda le ngxokolo yabantu abebegxobha inkomfa, kuyabonakala ukuba bebezimisele ukuyigxobha.”


Abonzakeleyo baleqiswe kwisibhedlele iSt Dominics eMonti.

Noxa kunjalo,  inkomfa iye yaqhuba kwaye iziphumo kulindeleke ukuba zibhengezwe kwakusasa nje.

Kusenjalo, uSekela Mongameli  uCyril Ramaphosa kulindeleke ukuba avale ngokusesikweni inkomfa kusasa nje.