Iinkampani zeli kwindibano yorhwebo eMozambique

IGQIZA loosomashishini baseMzantsi Afrika elikhatshwa ziinkampani zeli ezingamashumi amabini anesixhenxe lithabath’ inxaxheba kumboniso wehlabathi wezorhwebo oqhuba eMozambique.

IMaputo International Trade Fair, iqale ngomhla wamashumi amabini anesithoba kwinyanga ephelileyo kwaye iyakuqhuba de ibengumhla wesine kule nyanga.

UMphathiswa wesebe lezorhwebo noshishino uGqirha Rob Davies uthi lo mboniso uzakunceda iinkampani zeli ukuba zithengiseke kumazwe ehlabathi.

UDavies uthe: “Lo mboniso uzakunceda iinkampani zoMzantsi Afrika ukuba zifumane imarike kwamanye amazwe, khon’ ukuze zandise iimveliso zawo. Oko kukwathetha ukuba uqoqosho loMzantsi Afrika luzakukhula kuquka namathuba engqesho.”

Lo mboniso utsala uthotho lweenkampani unyaka nonyaka. Iinkampani zehlabathi ezathabatha inxaxheba kumboniso wonyaka ophelileyo ziquka uMzantsi Afrika, Zimbabwe, Jamani, Brazil, Italy, France, Spain, Macau, Indonesia, Netherlands, Poland, Portugal, Qatar, Turkey, Sweden, Finland, Norway neDenmark.

Ilizwe laseMozambique lelinye lamazwe aphala phambili ngorhwebelwano noMzantsi Afrika. Urhwebelwano phakathi kwalamazwe mabini luxabise iR39 yeebhiliyoni (R39bn) ngo2015.