Iinkathazo zefashoni!

Xa into ungayazi kungcono uthule, mhlawumbi ukuba unomdla kuyo uzenzele uphando lwakho ngayo.

Ndizibone sele ndililifa lentsini msithweni uthile, ngokuthi ndiphawule ngesuti yomfo obelapho ndibuza kobesecaleni kwam ukuba “ngotheni ke ngoku lo uza ngesuti yokulala emsithweni?” Akhange ndiligqibe, bakrukrutheka bachama isichenene ababekufuphi kum.

Andibuyanga ndithethe nto yimbi, ndisuke nje ndancuma lindiyile, ndiqonda kona ukuba akuhlekwa laa mntu ndibuza ngaye kuhlekwa mna.

Ukuzophula kwezo ntloni ndisuke ndathetha ezinye izinto ezihlekisayo ndigxotha leya ndingaziyo ukuba kuhlekwa ntoni na kuyo.

Hayi ke bahleka behlekile abo bebekufuphi kum. Nangani abo bantu bemke bengalilibali irharha endililo, kodwa yona leya yesuti yokulala bendingahlekisi ngayo, bendibuza ndinyanisile.

Ndiphinde ndayibona le suti inxitywe ngumlingisi ekuthiwa nguNkunzi kumdlalo kamabonakude obizwa Uzalo, endingaqinisekanga ke ukuba udlala kwesiphi na isikhululo. Nalapha ndibuze kuMamTolo ukuba “utheni na ngoku lo Nkunzi wenu waya ngesuti yokulala embarheni?”

Bandihlekile ke abantwana bakaMamTolo, kodwa yena uDlangamandla wandilungisa; “hayi bo tata asiyosuti yokulala leya, isefashonini la mpahla!” Awu ke!

Ube sele eqhuba enditsala, ube luqonda uluvo lwam ngale fashoni. “Kofuneka ndikuthengele nawe Mpondomse ube nayo!” Wajonga kubantwana bakhe akugqiba. “Mfm!”

Nditsho ndakhumbula impahla eninzi ke ekuthiwa iyifashoni amana ukundintlokothisa kuyo unkosikazi. Waka wabuya nebhulukhwe etswebhe amazantsi, ephela entla kwamaqatha, amantla wamahleza iwashiya engaphandle, nomthsintsila uthi bhoo ngaphandle ngathi ngowomkhandi weenqwelomafutha.

Yayiyinto ekwakufuneka ukuba ndimana ndiyikhwexa rhoqo. Ndakuyikhwexa ke yayiye inyuke kakhulu, amaqatha abe ngaphandle neentungo zawo, xa ndiyinyenyisela busezantsi umthsintsila ube phandle.

Ndasuka ndayithatha ngomsindokazi ndayifihla, ze ndayinyengezela ukayise ngasese mhla wayendityelele, ndaphisa ngayo ke ukutsho, ndabe ndahlukene ke neso simanga sebhulukhwe. Akadinwanga.

Ngenye imini wabuya nehempe enekhola ende eyayisima ezindlathini phantsi kweendlebe, into eyayingathi yeyokuxhasa intamo yomntu eyaphuke ngengozi. Ndaba nguloo phunguphungu ke kuleyo nto yayindiphazamisa nokuba ndizama ukujika intamo, kufuneke ukuba ndijike ndonke ngokunga ndinomjikantamo.

Andizazi ukuba ndayithini na loo hempe, kodwa nayo ndayifumanela icebo layo ukuze ndahlukane nayo. Eminyakeni emithathu edlulileyo undiphathele iihempe ezimbini ezingathi lilaphu letafile; ukuba usawakhumbula laa malaphu etafile eseyile akudala, ayetshekhi.

Ndazigolozela ke nazo mhla wafika eziphethe, kodwa ke ndaphetha ndizinxiba ke zona endingazi nokuba kukuqhuqheka okanye kukoyiswa ngumfazi kusini na.

Ndisawanxiba ke lawo malaphu etafile atshekhi unanamhla oku. Kulo unyaka uphelileyo undiphathele ihempe engenakhola, iwunduwundu lento ephela entla kwamadolo mfondini, endingazi nokuba bekusenziwa idyasi na kwaze kwatshintshwa esithubeni kwenziwa ihempe.

Asihempe nguhunduza! Elo wunduwundu ndilinike igama lokuba nguAbhuduli; inxalenye yempahla yam inamagama: oombali nosichamangaye nonomandixa, njalo njalo ke. Le hempe ndiyithiye ngolwa hlanga lunamagama ehamba kwezo nkalo ke, ooSebhashela nooNayidu endivamise ukusibona kubo isinxibo esinjalo.

Ilishwa lefashoni ke kukuba ayisoloko imfanela umntu oyinxibileyo, nabantu bayo abazikhangelisi ukuba ingaba iyabafanela kusini na.

Wofika umntu ke eyimpoxo kwinto ayinxibileyo, engeva nokuba kuza ni, kungekho namntu unokumxelela ngokungafaneleki kwakhe. Abantu befashoni abanaluvo lwamntu, benza ukuzithandela.

Kumntu endinguye ke ifashoni ayibi ntle kuba isoloko iba ngumsiko ongaqhelekanga. Goba msenge iibhokhwe zikutye!