
AMATYALA okubulala, ukuzama ukubulala, ukuxhwilwa
kwezithuthi nokuxhomisa iseyimiceli mngeni emikhulu ejongene nephondo leMpuma
Koloni. Oku kungqinwa ngamanani olwaphulo mthetho onyaka
wesebe lezokhuselo kweli phondo uWeziwe Tikana.
UTikana ubhengeze lamanani kwinkomfa nonondaba
eMthatha ngoMgqibelo kulandela akazwelonke abhengezwe ebutsheni bale nyanga.
Elisebe lithi ulwaphulo mthetho lunomfutho ombi kukhuseleko loluntu,
kwaye lubangelwa kukusetyenziswa kotywala ngokudlulisileyo.
UTikana uthi iMpuma Koloni yenza imitsi
ebonakalayo kwiinzame zokunciphisa ulwaphulo mthetho. “Lamanani alonyaka
2015/2016 abonakalisa impumelelo yamapolisa ekunciphiseni ulwaphulo mthetho
kwintlobo ezine. Ezintlobo zibonakalise ukuhla kule minyaka ilishumi
idlulileyo (2006-2016)” utshilo Tikana
Umfutho wemilo yamaqela oonqevu kuMantla aseBhayi
kubonakele mhlophe kumatyala okubulala nokuzama ukubulala aphandwe kwizikhululo
iGelvandale neBetheksdorp.
Kwelakhe icala umkomishinala wamapolisa eMpuna Koloni
uNjengele Liziwe Ntshinga uthi bazakuqwalasela lamanani baphinde bajonge
imigaqo abayisebenzisayo ukulwa ulwaphulo mthetho.
Nangona
ingqokelela yezikhululo zamapolisa (clusters) zehlisiwe ukusuka kumashumi
amabini anesixhenxe ukuya kumashumi amabini anesibini kodwa ezinye izikhululo
zisephezulu kulwaphulo mthetho lwamatyala anobuzaza njengokubulala,ukuphanga
kuxhotyiwe nokuzama ukubulala.
UEl Nino uhlasela amafama weswekile