Iinkcukaca manani zibonisa ukwehla kolwaphulo mthetho eMpuma Koloni

Ilungu lePalamente uMncekeleli Peter, umphathiswa wokhuseleko uWeziwe Tikana, umkomishinala wamapolisa eMpuma Koloni uNjengele Liziwe Ntshinga kwakunye noNombulelo Sibeko ngethuba kubhengezwa inkcukacha zolwaphulo mthetho eMthatha

AMATYALA okubulala, ukuzama ukubulala, ukuxhwilwa
kwezithuthi nokuxhomisa iseyimiceli mngeni  emikhulu ejongene nephondo leMpuma
Koloni. Oku kungqinwa ngamanani olwaphulo mthetho onyaka mali 2015/2016 abhengezwe ngumphathiswa
wesebe lezokhuselo kweli phondo uWeziwe Tikana.

UTikana ubhengeze lamanani kwinkomfa nonondaba
eMthatha ngoMgqibelo kulandela akazwelonke abhengezwe ebutsheni bale nyanga.
Elisebe lithi ulwaphulo mthetho  lunomfutho ombi kukhuseleko loluntu,
kwaye lubangelwa kukusetyenziswa kotywala ngokudlulisileyo.

UTikana uthi iMpuma Koloni yenza imitsi 
ebonakalayo kwiinzame zokunciphisa ulwaphulo mthetho. “Lamanani alonyaka mali
2015/2016 abonakalisa impumelelo yamapolisa ekunciphiseni ulwaphulo mthetho
kwintlobo ezine. Ezintlobo zibonakalise ukuhla  kule minyaka ilishumi
idlulileyo (2006-2016)” utshilo Tikana

Umfutho  wemilo yamaqela oonqevu kuMantla aseBhayi
kubonakele mhlophe kumatyala okubulala nokuzama ukubulala aphandwe kwizikhululo
iGelvandale neBetheksdorp.

Kwelakhe icala umkomishinala wamapolisa eMpuna Koloni
uNjengele Liziwe Ntshinga uthi bazakuqwalasela lamanani baphinde bajonge
imigaqo abayisebenzisayo ukulwa ulwaphulo mthetho. 

Nangona
ingqokelela yezikhululo zamapolisa (clusters) zehlisiwe ukusuka kumashumi
amabini anesixhenxe ukuya kumashumi amabini anesibini kodwa ezinye izikhululo
zisephezulu kulwaphulo mthetho lwamatyala anobuzaza njengokubulala,ukuphanga
kuxhotyiwe nokuzama ukubulala.

Amatyala abonakalise ukuncipha aquka, ukudlwengulwa nokuxhatshazwa ngesondo -4%
Ukubetha ngeenjongo zokwenzakalisa umzimba ngokumanyungunyezi -4%
Ukubetha -3,1%
Ukuxhomisa -1,7%
Ukuxhomisa phantsi kwemeko ezinobungozi -3,5%
Ukuqhekeza kwiindawo zokuhlala -1,8%
Uqhekezo lwamashishini -4,4%

Ukubiwa kweemoto -18,3%
Ukubiwa kwemfuyo -4,6%
Ubusela -8,5%
Ummandla waseMthatha uchazwe njengenye yendawo awehlileyo kuwo amatyala okubulala nangona asephezulu xa kuthelekiswa nonyaka mali ka2014/2015.