UZA kubekwa ecaleni kooyisemkhulu ngoMgqibelo umhla wesihlanu kweyeNkanga eMakhanda uSiphelo Dyongman, obedume ngelikaNqontsonqa kwezolonwabo.
Ngokwengxelo, le mbongi kwanemvumi ibhubhele kumajikojiko aseGcuwa emin’ emaqanda ngoLwesihlanu umhla wama28 kweyeDwarha, isendleleni egodukayo isuka eMthatha nalapho ibithunywe khona liSebe lezeMisebenzi ebilisebenzela.
Ebikela I’solezwe lesiXhosa ngemini yeshwangusha ngesi sehlo, uAkhona ‘Bhodl’ingqaka’ Mafani okwayimbongi, uthi uDyongman beyedwa esithuthini ebesiqhuba ngethuba lokwehla kwesi sehlo. Uthi le mvumi ibhubhe ngoko nangoko kwindawo yengozi.
Udade boDyongman, uAgcobile Dyongman, uthe baxhelekile kwaye abakakwamkeli oku belusapho.
“Asikho sesimeni esihle. Asikakholelwa. Bekukuninzi ebekucwangcisele thina silusapho kwanabantwana bakhe ababini,” kutsho uAgcobile.
UDyongman, obekwayintatheli ngokwemfundo, wayekhe wabhalela I’solezwe lesiXhosa ngethuba lisandul’ ukuphehlelelwa phakathi ko2015 no2016.
OnguMseki noMhleli wokuQala weli phephandaba, uUnathi Kondile, umchaze uDyongman njengomntu obe ziphilela kwilizwe lakhe kwaye enezakhono ezixandileyo.
“Wasuka ngaphaya eMakhanda ezokufuna ukubangumbhali kwiSolezwe. Zange ibe ludliwanondlebe olude. Samthatha zisuka nangona yayingengomsebenzi osisigxina. Eyona nto ndandifuna ayenze kukuba abhale iindaba ngale ndlela awayekwazi ukudlala ngamagama esiXhosa xa esenza imibongo,” kutsho uKondile.
UKondile uthi intlungu yolwimi lwesiXhosa kukuba baninzi abantu abakwazi ukulusebenzisa kakuhle kodwa ingxaki ngamathuba engqesho esiXhosa.
“Bekumele ukuba abantu abafana nooDyongman bebeqesheka lula naphi na, ingakumbi kwezonxibelelwano. Andazi ke ukuba sakuthini na xa ke ngoku italente enje iwushiya kwamsinya lo mhlaba. Nto kaDyongman, uyayazi zange ndaliqhela eli likaNqontsonqa igama, uye wangumzekelo wento entle umntu anokubayiyo ngesiXhosa sakhe. Phumla ke tata, kucacile ukuba olwakho ugqatso ulufezile,” uvale watsho uKondile.
UDyongman ukhuphe iingoma ezininzi ezifana noNdifuna Ezi, Lekese, Camagu, Ithuba neVumba Lothando ukubalula nje kwezimbalwa.
Kwezo ngoma zakhe usebenze neemvumi ezifana noBerita, uSimbone, noBhodl’ ingqaka.
Usapho luyihlelele umhla wesine kweyeNkanga inkonzo yesikhumbuzo kwindawo ebingekachazwa.
Inkonzo yomngcwabo iza kubanjelwa kwanombolo 10399 eMajor Fuku Street, eVukani Location eMakhanda, ukuqala ngecala emva kwentsimbi yesixhenxe ekuseni.
Lala ngoxolo Zotsho!
Lumka Oliphant: ‘Yekani utywala’