Iinkokeli mazithathe izigqibo ezichubekileyo

Ithi into uMongameli Zuma makagxothwe emva kokuba egxothe uMphathiswa wezimali, uPravin Gordhan, nesekela lakhe elinguMcebisi Jonas.

Sibhala nje kukho ugushugushuzo nokungaqiniseki ngekamva loMzantsi Afrika kwezoqoqosho emva kokuba i-arhente yomlinganiso yakwaStandard & Poor (S&P) ithobisele uqoqosho lwalo. Ngoku kweli sifana nentombi okanye umfana owaliweyo ngenxa yamakhwapha anuka kakubi.

Yiminyaka eliqela uMzantsi Afrika usebenzisana nee-arhente zehlabathi ezakhele umkhanyo ukusebenza nokuziphatha kwamazwe kwicandelo lezoqoqosho.

Le arhente ithi akukho zinzo kwezopolitiko. Akucaci nomgaqo-nkqubo ozakulandelwa nguMphathiswa omtsha onguMalusi Gigaba ongene endaweni kaGordhan. Ichaphaza elibi kuqoqosho lunganeziphumo ezibi. Yiyo lo nto uGordhan ebesoloko enxulumana nabatyali-zimali. Injongo yezo ngxoxo ibikukucacisa indlela uMzantsi Afrika owenza ngayo izinto nomgaqo-nkqubo okucangcathwa kuwo kurhulumento lwelizwe.

Abatyali-zimali bathi rhubaxa ngokukhawuleza xa kukho isiphithi-phithi. Ezinye zezinto ezimbi ngokuthotyiswe zezi arhente yile: kubanzima ukubolekwa imali ngamaqumrhu azimeleyo. Kuthi xa kunzima ukufumana imali kwiindawo ezinjalo kunyanzeleke ukuba ilizwe libhenele kwingxowa-mali yelizwe jikelele (IMF).

Ingxaki ngale ngxowa yeyokuba inemiqathango emibi nelizwe ligxizwa ngenzala ephezulu kuba ezinye iindawo zingafuni ukuliboleka imali. Eyona nto iyingozi kukuba ilizwe liphulukana namandla wokuzithathela izigqibo.

Ilizwe lilahlekwa nasisidima phakathi kwamanye amazwe xa laliwe zezi arhente ngoba izigqibo zazo ziyahlonitshwa kwihlabathi. UMzantsi Afrika lelinye lamazwe aphala phambili e-Afrika kwicandelo lezoqoqosho. Le into isibuyisela emva. Kubalulekile iinkokeli zelizwe zithathe izigqibo ezikrele-krele nangenkulu inkathalo ngoba umcimbi wezimali uchaphazela wonke umntu kwaye unzulu kakhulu.

UGigaba makadibane neengqonyela zeebhanki nezoshishino ngokubanzi, acacise indlela azakusebenza ngayo ave nakuzo ukuze kubekho uzinzo kwezoqoqosho.

Ukunqaba kotyalo-mali kukhokelela kunyuko lwamaxabiso okutya nentswela-ngqesho.