Iinkokeli zabafundi ziyanyhilana

IYATYHOLANA imibutho emele abafundi kwiYunivesithi yaseNelson Mandela Metropolitan kulandela uqhankqalazo oluqhubeka kweli ziko lemfundo.

Uqhankqalazo labafundi kule yunivesithi liqale ngomvulo, abafundi bekhalazela iingxaki zabafundi abangekafumani ziphumo zeemviwo.

NgokweDASO ekwakhokele iSRC kweli ziko uqhankqalazo belingeemfuno zabafundi kuphela, kodwa iSASCO yafaka ibimba eyayiqhankqalazelwa ngabafundi ngexesha lentshukumo yabafundi ethi, #FeesMustFall.

“Ngexesha lika #FeesMustFall abafundi baye bafakela nomba wabasebenzi abaqeshwe phantsi kweenkampani zabucala, yaze yavuma ke iyunivesithi ukuba izakuyiphelisa le nkqubo,” utshilo uKabelo Mogadusi weDASO nokwakwiSRC.

Uqhube wathi, “ISRC iye yabamba uthethathethwano nabalawuli beli ziko, kwavunyelwana ngemiba echaphazela abafundi, ngoku umba osaxoxwayo ngowabasebenzi ebebeqeshwe ziinkampani zabucala, nasele besebenzela iyunivesithi ngoku. INMMU iqeshe oonogada ebebekwiinkampani zabucala, yabanyusela nemivuzo, ingxaki kukuba khange ibaqeshe bonke, kwaye abanazixhobo ngokwaneleyo.”

UMogadusi utyhole iSASCO ngokugxotha abafundi abangamalungu eDASO ebebefuna ukuzibandakanya nolu qhankqalazo. ISASCO kweli ziko ityhole iDASO ngelithi iyinxalenye yengxaki yabafundi.

“Izinto ezikhokelele kolu qhankqalazo bekufanele ukuba iDASO izisombulule, njengoko iyiyo ekhokele ulawulo labafundi eNMMU,” uthethe watsho uAthenkosi Daniso obethethela iSASCO kule yunivesithi.

Uphinde watyhola iDASO ngelithi ibe isicwangciso soqhankqalazo lwabafundi yayokubamba indibano nabalawuli beNMMU. UDaniso ukwadize inkcaso yeSASCO ngakwiphephandaba iHerald.

Uthe, “Ingxelo yeHerald ixhasa iDASO, kwaye inenjongo yokuphuhlisa uluvo lweDA.”

Olu gwayimbo kulindeleke ukuba lichaphazele abafundi ebebezakubhala iimviwo, ababengabhalanga ngenxa yogwayimbo labaqhubi beeteksi kwinyanga ephelileyo.

Uthethathethwano ngemiba ekhalazelwa yiSASCO belisaqhuba ngenjikalanga yayizolo.

johnnie.isaac@inl.co.za