‘Iinkokeli zaseNtshona mazitshutshiswe’

Umongameli welizwe laseZimbabwe, uRobert Mugabe umemelela ukuba kumiselwe inkundla yamazwe aseAfrika kutshutshiswe inkokeli zaseNtshona.

Lo kaMugabe ungusihlalo wembumba yamazwe aseAfrika (African Union), kwaye uthetha oku esikhundleni sakhe salo mbutho.

Le ngxelo ithi, lo kaMugabe uthi makumiselwe le nkundla ngeenjongo zokuba iinkokheli zamazwe aseNtshona zibanjwe, aphendule ngeengxaki azenze kweli laseAfrika ngexesha lorhulumente wobukholoniyali.

“Bophula umthetho ngokusitshutshisa ngemithetho yobukoloniyali, babulala abantu, mna lo ndavalelwa iminyaka elishumi elinanye, sabaxolela kwiziganeko zabo zokwaphula umthetho, ndicinga ukuba senza impazamo ngokubaxolela,” uthethe watsho uMugabe.

Uhambisa athi, uGeorge Bush noTony Blair ngamadoda okuqala ekumele ukuba atshutshiswe. Uthi, i-International Criminal Court (ICC) eHague kwelamaDatshi yamiselwa ukutshutshisa iinkokheli zase-Afrika.

Lo ka- Mugabe uthethe oku emva kokuqukumbela indibano yakhe kunye nomongameli welizwe laseMali obetyelele eZimbabwe uIbrahim Boubacar Keita. Ethetha kwindibano yamazwe aseAfrika ibibanjelwe eRawutini kunyaka ophelileyo, lo kaMugabe wamemelela ukuba amazwe ase- Afrika aphume aphele kubulungu be-ICC. Akhe avela amarhe okuba neli loMzantsi Afrika lineenjongo zokuphuma kula nkundla ye-ICC.

Iinkosi zemveli zeMpuma Koloni zithi, ziyahambisana nalo mbono, kodwa le nkundla ingasetyenziswa njengeziko lokuziphindezela.

Igqala nesazi ngembali yelizwe noMzantsi Afrika, uNkosi uSiqithi Maqoma wenze amabal’engwe ngalo mcimbi.

“Ngumbono omhle lo uzanosihlalo we-AU uRobert Mugabe, kodwa le nkundla, kufuneka isetyenziswe ukuthintela iingxaki zamaxesha ezayo kungenziwa impindezelo,” uthethe watsho uMaqoma.

UMaqoma uthi, abakayazi nanamhlanje intloko kaKumkani uHintsa kaKhawuta, kodwa yemka nabantu ababengene kweli besenza ingathi benze ngesihle.

“Ngexesha likaHarry Smith kwabulawa amakhosikazi nabantwana kwatshiswa namasimi abantu abamnyama, ngoko ke kumele ukuba ibekhona into eqhubekayo,” utsho uMaqoma.