Bangaphezulu kwamakhulu amahlanu (500) abantu abathe baxhamla kwiinkonzo zasimahla zabongikazi besibhedlele iNelson Mandela Academic eMthatha ngethuba esi sibhedlele siphumile siseluntwini sibhiyozela iveki yamanesi.
Esi sibhedlele sikhumbule iveki yabongikazi (Nurses Week) ngokuthi sisondeze iinkonzo zaso eluntwini ngokumisa iintente kudederhu lweevenkile eCircus Triangle, Mthatha Plaza nase-BT Ngebs Mall.
Umanejala wamanesi uAyanda Mjali uthe, ngokwenza oku batshayelela usuku lwabongikazi lwephondo noluzakubanjwa namhlanje.
Abongikazi bebebonakala besenza umsebenzi wabo bekhululekile. Kuwo omathathu la maziko bekuhlolwa iswekile, uxinezelelo lwegazi, ukuhlolwa kwamehlo, incindi yesibeleko, uvavanyo lwentsholongwane kagawulayo neengcebiso kwanokukhutshwa kwamazinyo.
“Abantu abafunyenwe beneengxaki ezingenakuncedakala apha kula maziko sibenzela incwadi ukuze babonwe ngugqirha esibhedlele,” utsho njalo uMjali.
Usuku lwabongikazi lukhunjulwa kwihlabathi jikelele, kwaye luhambisana nokuzalwa kukaFlorence Nightingale, umsunguli wobongikazi.
Isibhedlele iNelson Mandela Academic ilubhiyozela minyaka le olu suku ngeendlela ngeendlela.
iMamelodi Sundowns inyathele iMpheni Defenders emdlalweni weNedbank Cup