Iinkosi aziwahloniphi amalungelo wamakhosikazi

IiNkosi mazithande amakhosikazi wazo. Lawo ngamazwi kasihlalo wendlu yeNkosi zemveli eMpuma Koloni uNkosi Ngangomhlaba Matanzima. UNgangomhlaba uthi ziyinyani izityholo zokuba iinkosi aziwahloniphi amalungelo amakhosikazi ingakumbi kuma komkhulu.

UMatanzima uthethe oku ngethuba ebelingqina kubekwa uNkosi Zwelinzima Sigidi eSundwane eDutywa.

“Siyadibana neziganeko zokuba iinkosi ezi azibahloniphi abantu basetyhini kuqala apha kuma komkhulu,”utshilo uMatanzima.

Uthi nangona kunjalo le nto ayithethi ukuba ziinkosi zonke ezingahloniphi amakhosikazi, kodwa ziinkosi ezithile ezithi zenze oku.”Zixhaphakile iziganeko zokuxhatshazwa kwabahlolokazi aba ngamakhosikazi weenkosi emva kokuba kubhubhe abayeni babo,lo nto iphenjelwa ngamadoda ekhaya, ide ichaphazele nenkosi kwezinye iimeko,” uthethe oko uMatanzima.

Uthi ezinye zengxaki ezidlakaza intlalo kulemihla zibangelwa kukungazinzi kwamakhaya ngenxa yokungabikho kothando phakathi kwenkosi namakhosikazi ayo.

“Ulawulo lwabantu lokuqala kukuba inkosi ithande umkayo, ukuze olothando luphumele ngaphandle kubantu ebakhokeleyo, umondle, abemhle, atyebe unkosikazi wakho nje ngenjenkosi,” utsho uNgangomhlaba.

Uthi akumele ukuba ihlupheke inkosikazi yenkosi kuba ingumama wesizwe.

Ukwathe amakhosikazi weenkosi ancame ashiye imizi yawo ngenxa yokuba akukho bani ubangqinelayo mhla ngengxaki apho komkhulu.

UNgangomhlaba uyaziwa ngeziyalo zakhe ezikhethekileyo xa kuyalwa inkosi kumakomkhulu awohlukileyo kweli.

“Sendikhetha ukuba ndithethe inyani ngoku ndingacengi kuthandwa ngumntu kuba ndimdala andicengi kuthandwa ngumntu, ndifuna ukubhubha ndithetha inyaniso,”uthethe watsho uMatanzima.

UNkosi Ngangomhlaba ukwasebenzise elithuba ekhusela amakhosikazi ngokubanzi ngelithi amakomkhulu amele ukuba aqwalasele indima edlwala ngamakomkhulu ukukhusela amanina.

“Iinkosi ezi mazithi xa zingena imicimbi enamakhosikazi ziqinisekise ukuba azithathi cala lizakwenza ukuba amakhosikazi axhatshazwe, imicimbi echaphazela amakhosikazi yiphindiseni kumakhaya xa inixakile ningathathi izigqibo ezicinezela amanina, kudala baxhatshazwa aba bantu nathi singamakomkhulu siyachaphazelaka,”utshilo uNgangomhlaba.

Uqwele lentetho eyala amakhosikazi, ingakumbi awakomkhulu ewaxelela ngeendlela zokuphatha amadoda abo.

“Mna inkosikazi yam ibhubhe isathi tata apha kum. Indoda iyabuswa uze nawe uyithande uyibuse indoda yakho, ibonakale njengendoda enenkosikazi naxa iphakathi kwabantu. Sikhe sibone amadoda apha uve ngabantu ukuba inenkosikazi kodwa zibe zingekho iimpawu zokuba inenkosikazi,” uvale ngelo okaMatanzima.