IKumnkani yabaThembu baseRhoda uDalimvula Matanzima umemelele kwiiNkosi ukuba zibengumzekelo eluntwini, zohlukane nokwenza izinto ezithobela isidima seeNkokheli zomThonyama.
UMatanzima ebethetha koMkhulu emngqesha eQonce ngoLwesibini kule veki ngethuba kubanjwe umsitho wesifundo sesikhumbuzo (memorial lecture) ngobomi begorha lakwaRharhabe uNkos’ Jongumsobomvu Maqoma.
Uqhube wathi mazohlukane neendawo ezingxolayo, ebhaqwa kwezondawo mayigxothwe.
Usekela Mphathiswa weSebe lemiCimbi yezeeNkosi uNkosana Zolile Burns-Ncamashe, nobekwesi sikhumbuzo sikaMaqoma uthi, bungekho ubuzwe abantu abazukulawuleka, ilizwe alizukuphatheka kwaye isizwe asizukuzinza.
UNcamashe uthi ubuzwe yintlaka yokudibanisa ilizwe nesizwe batsho abantu balawuleke.
Intetha ngobomi buka Nkos’ Maqoma ibisothulwa nguGqr. Somadoda Fikeni.
Ezinye indwalutho ebezizimase lo msitho ngu Mphathiswa weli Sebe uNonceba Kontsiwe kwakunye noGqr Jongi Klass weIlima Heritage Institute.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?