Iinkosi zamaTshawe kwisikhumbuzo solutsha

Ulutsha laseSotho eMooiplaas luthathe inxaxheba ngendlela eyodwa kwimibhiyozo yomhla wolutsha izolo ngokuthi lichithe lemini kunye neenkosi zombutho weContralesa kwingingqi yaseMonti.

Ezi nkosi zibeyinxalenye yale mibhiyozo zikunye nosihlalo weContralesa kwisebe laseMonti uNkosi Mthuthuzeli Makinana, Mhlanganisa Makinana kunye noGcinuhlanga Makinana.

“Apha namhlanje sithe masingqamanise lo msitho wokunikisa ngezatifiketi kulutsha oluqeqeshwe ukuba lufunde ukulima izityalo ezahlukeneyo kuquka nemithi,” utshilo uMakinana.

“Bafundiswe ukutyala imithi ngenxa yokuba kukho umthi ozakutyalwa apha iBamboo, kuba uphando lubonisa ukuba iBamboo ilungile ukutyalwa kweli lizwe lethu,” utshilo uMakinana.

“Olu qeqesho lwenziwe ngoncedo lesebe lezorhwebo noshishino ngeenjongo zokuxhobisa abantu abatsha baseMooiplaas. Akuncedi ukukhumbula lo mhla ngezinye iindlela, icebo kukuba senze izinto ezizakutshintsha ubomi babantu abatsha emva kokugqitha komhla weshumi elinesihlanu kuJuni,” utsho uMakinana.

Ezi nkosi zithi zinqwenela ukuzibona ziyinxalenye yophuhliso kwindawo ezihlala kuzo.