IiNkosi zaseMthatha zicela amaJoni kuHolomisa!

UNkosi uNonkonyana eqongeni kumngcwabo kaNkosikazi uNogcinile Mtirara, ecaleni kwakhe nguNkosi Bhovulengwe Mtirara ngapha kwakhe ngumfanekiso kaNkosikazi uNogcinile ohlaselwe kwakhe wadutyulwa wabhubha. UMFANEKISO: ABONGILE GINYA

Nangona uNkosikazi Eunice Thenjiwe Nogcinile Mtirara sele engcwatyiwe, uluntu lwala mmandla nangoku lusashiyeke lubambe ongezantsi sesi senzo sokuhlaselwa kweNkosi ibulawe ingakumbi ngaphakathi kwiKomkhulu.

UNkosi uMwelo Nonkonyana uthi le yimpi enendelelo, uthi owenze le nto ubanyathele emsileni. Uthi yindelelo kuba nanini zange yenzeka eyokuhlaselwa kweKomkhulu, uthi iKomkhulu yindawo apho ehloniphekileyo, eyoyikekayo kwaye ekubalekelwa kuyo. UNonkonyana ebethetha kumngcwabo wale Nkosi Komkhulu eMqhekezweni ngoMgqibelo.

UNkosi uNogcinile (71), udutyulwe wabhubha eyokuhlaselwa emzini wakhe kwinyanga ephelileyo.

UNkosi Mfundo Bhovulengwe Mtirara, uthi noko badiniwe ngoku ukuthethana nento enye eyokucela ukhuseleko kwindawo yaseMqhekezweni kuba kudala bakhala, kwaye uNkosikazi uNogcinile ayingowesihlanu ingengoweshumi ukubulawa kula lali kudala bephela abantu kungabikho ntshukumo.

UNkosi Mandla Mandela ethethela usapho kumngcwabo wenkosikazi edutyulwe yabhubha Komkhulu uNkosi uNogcinile Mtirara. UMFANEKSIO: ABONGILE GINYA

UBhovulengwe utsho ehlab’ikhwelo kwinkokheli yeUDM uBantu Holomisa obezimase lo mngcwabo nosele enguSekela Mphathiswa kwezoMkhosi, esithi bacela amaJoni kula mmandla kuba amaPolisa ohlulakele.

UThembakazi Mtirara ethethela abantwana uthi akakho ongakhange afunxe uthando kwanobushushu kuNogcinile. Uthi neemfundiso zakhe soze bazilibale. Uthi ebenebele elide lo mama.

UNkosi uMandla Mandela okhuliswe nguNkosi uNogcinile nobethethela ikhaya uthi uNogcinile ebeligorhakazi elidibanisa imihlambi eyalanayo. Uthi kudala imizi emininzi ihlaselwa eMqhekezweni neziphaluka iveki neveki ayintshanga, uthi kunjalo zange kwabakho tshintsho.

Ophuma kumbutho weetekso eMthatha, uMthuthuzeli Sogoni, nobe kulo mngcwabo uthi zange bayibona iNkosi ibulawa ingakumbi engumama.

Ilitye likaNkosi uNogcinile Mtirara ngenkxaso yombutho weATM. UMFANEKISO: ABONGILE GINYA

“Ndiyabona ikhona lento ifuna usonyelisa singamadoda, nobecinga uyoyenza komnye umzi abenesazela angabisayenza,” utshilo uSogoni.

UNkosikazi uNogcinile ungcwatywe ngamaPostolo inkonzo katata uNongqunga nobelilungu layo ekwalilo nelungu lombutho weATM.

Umbutho weATM uxhase ngelitye kulo mngcwabo, iUDM kwakunye noweeteksi baxhasa ngeenkomo.

UNogcinile unguNkosikazi wongasekhoyo uNkosi uSandile Mtirara. UNogcinile wazalelwa kwilali iMount Zion eMbizana, wafundela ubutitshalakazi. Ibe ngutitshalakazi kwezi zikolo iJulukuqu JSS, Khonqeni JSS naseMatiso JSS. Le Nkosi ibikwalilo netshantliziyo elilwela iGBV.