IiNkosi ziyokufunda ngophuhliso lwendongomane

IiNkosi zesizwe samaRharhabe ziwele umlambo iNciba ngeliya kufunda banzi ngokutyalwa kwendongomane iMacadamia kwiilali zekomkhulu lakwaDumalisile kuGatyana. 


Ingxelo yeli komkhulu eMngqesha ithi oku kwenziwa ngeenjongo zokunabisa uphuhliso olukhokelwe likomkhulu kumalinge okuphuhlisa abantu besi sizwe ngokwezimali. 


IKomkhulu lakwa Dumalisile kuGatyana phantsi kukaNkosi Sibongile Dumalisile lingumzekelo wokujikwa kwamasimi enziwe udederhu lwamasimi avelisa eli ndongomane lexabiso. 


Othethe egameni lekomkhulu lamaRharhabe eMngqesha uNkosana Banzi Tyali, uthi banenjongo ezibanzi ngokutyelela ela komkhulu. 


“Eyokuqala kukufunda banzi ngale nkqubo yokuveliswa kweli ndongomane kuthwa yiMacademia kuba sibonile ukuba isizwe singaphuhla ngenxa yale nkqubo,” uthethe watsho uTyali.

 

Isizwe samaTshawe kwikomkhulu lakwaDumalisile laqala inkqubo yokutyala eli ndongomane emva kokuba bathi bafunda ngale nkqubo kwikomkhulu laseNcera kwaJongilanga. 


“Sifuna ukunabisa iinkqubo zophuhliso lweelali zakwaRharhabe ukuze kuphucuke impilo yabantu besi sizwe, eli lelinye kuloo manyathelo ajoliswe ukukhulisa uphuhliso, sizakuya nakwezinye iindawo,” uthethe watsho uTyali. 


Ikomkhulu lakwaDumalisile lingene liphuma ezinkundleni ngenxa yenguqu yokuthatha amasimi eluntwini besenza amasimi eMacademia. 


 “UNkosi Sibongile Dumalisile ungene ephuma ezinkundleni ngenxa yeli nyathelo lokuthatha amasimi emva kwesivumelwano nabahlali ngale nkqubo.


Ethetha neli phephandaba uDumalisile, malunga nedabi lokujika amasimi weelali zakhe azenze amasimi okuvelisa iMacademia wathi.  “Ndisenkundleni ephakamileyo eRhini, kodwa andijiki kuba abantu beelali ezilishumi elinesine bayavumelana nalo msebenzi wokutyala eli ndongomane,” watsho uDumalisile.

 

UTyali uthi bazakuphumela ngaphandle kweMpuma Koloni befunda nakwamanye amaphondo ngeendlela zokuphuhlisa iilali eziphantsi kwekomkhulu lamaRharhabe.


 ”Sizakuhamba kuzo zonke iindawo ezinophuhliso olunokunceda isizwe sikaRharhabe ukuba siphuhle ngokusebenzisa lo mhlaba sinawo ukuze kuphile abantu.”


 Kutshanje ikomkhulu lakwaJongilanga eNcerha likhokele inkqubo yokuvunwa kweli ndongomane nanjengoko sele beneminyaka engaphezu kwemihlanu belityala.