iinkwenkwezi

ARIES: Mar 21 – Apr 21.

Olu lusuku apho iphupha lakho liza kusondela ekubeni libe yimpumelelo. Kukho oza kupha isipho, nozakube unesikweleti sakhe unaphakade, nto leyo iza kususa ulonwabo obunalo wakufumana oku.

TAURUS: Apr 21 – May 21.

Olu lusuku apho ungazuziva unomdla wokuncuma, ngenxa yokuba ugqibe oyena msebenzi ubunzima ubuwunikiwe. Uza kucela uncedo kosebenza naye, uze ke ungalibali ukubulela akube ekuncedile.

GEMINI: May 21 – Jun 22.

Baza kothuka abantu yindlela onolwazi ngayo kwizinto ezithile nezahlukeneyo. Ungakhathazeki xa ungahoywa, kwaye ungazami nokubabonisa ubukrelekrele bakho, kuba akunyanzelekanga.

CANCER: Jun 22 – Jul 23.

Yenza utshintsho olubalulekileyo ngobomi bakho namhlanje. Musa ukuzama ukufumana iimpendulo kwimibuzo enzima uwedwa. Khangela uncedo neengcebiso kwabo basondeleyo kuwe.

LEO: Jul 23 – Aug 24.

Asilixesha lilungileyo lokuba ungatyelela indawo enomkhenkce okanye indawo emtyibilizi. Ukumngcipheko wokuba ungawa ze ufumane umonzakalo omkhulu. Cwangcisa usuku lwakho, uluchithe endlini.

VIRGO: Aug 24 – Sep 23.

Ushishino yinto ephezulu kuwe ngolu suku lwanamhlanje. Uza kudibana nabantu abanika umdla ngolu suku, kuquka nalowo wayesa kuncuma neqabane lakho, nongasemhlanga ngendlela awayekade emhle ngayo ngaphambili.

LIBRA: Sep 23 – Oct 23.

Olu lusuku apho uza kuqatshelwa ngoncumo olungapheliyo. Uzakuthi wonwatyiswe kokuza kwenzeka, kuquka ukufika kwesihlobo sakho. Kumcimbi oza kuqhubeka uza kufumanisa iindaba ezizakuba negalelo elingelihlanga emsebenzini wakho.

SCORPIO: Oct 23 – Nov 23.

Uza kumenywa kulonwabo ongenako ukuthi hayi kulo, nalapho kuza kubhiyozelwa impumelelo yakho. Ukuhlala kwakho, uchithe ixesha naba bantu, uza kufumanisa ukuba awukho kwindawo onokuthi wohlukane nabo ebomini bakho.

SAGITTARIUS: Nov 23 – Dec 22.

Akumelanga ucinge ngeendlela ezimnandi zokuchitha olu suku. Xa umsebenzi ugqithile, uza kuzikhupha nabahlobo bakho ngethemba lokonwaba, kodwa okuthile kuza kuphoxa.

CAPRICORN: Dec 22 – Jan 21.

Namhlanje usemngciphekweni wokulahlekelwa yimali encinane. Okunye okubalulekileyo ngolu suku, kukuba lowo ubunomtsalane kuye ixesha elide, uza kuthabatha unyawo nolujolise ekuqaleni ubudlelwane nawe. Yitshaye isaqhuma ke nawe.

AQUARIUS: Jan 21 – Feb 20.

Eyona nto iza kubanobunzima kolu suku lwanamhlanje kukunqongophala ngamandla kobuthongo. Ngethamsanqa kuncinane okumele ukwenze ngolu suku, thabatha ixesha uphumle, ubuyise amandla akho.

PISCES: Feb 20 – Mar 21.

Uze ungalungisi izinto zombane ngokwakho. Xa unengxaki, khangela umlungisi ngoba banolwazi olwaneleyo ukuze bakuncede.