Iinqila endaweni kamantyi wasedolophini

INkulumbuso uOscar Mabuyane ekunye noNkosi Mwelo Nonkonyana kumsitho wokuvulwa kweNdlu yeeNkosi yaseMpuma Koloni

USihlalo weNdlu yeeNkosi eMpuma Koloni uNkosi Mwelo Nonkonyana uthi xa nje uMongameli Cyril Ramaphosa ethe wawutyikitya umthetho weenkundla zemveli (Traditional Courts Bill), amakomkhulu akulungele ukuxoxa amatyala ngelokuqinisekisa intlalontle nozinzo ezilalini.

Lo mthetho uphambi kukaRamaphosa kwaye xa sele etyikityile, amakomkhulu aza kuba namagunya okuxoxa amatyala ezinto ezenzeke kwimihlaba yawo. La matyala aquka lawo axoxelwa kwamantyi edolophini kungoku nje.

Ngokwalo mthetho kufuneka kubekho umabhalane wakomkhulu oqeshwe ngurhulumente kuquka namadoda kwakunye nabafazi bokuhlalela la matyala, ibe imvume beyinikwe yinkosi.

Izigwebo zala matyala zingaquka imidliwo efana nokudliwa inkomo ngokomzekelo, iintlawulo, ukunyanzelwa ukuba uxolise okanye ubani afumane uqeqesho okanye uloluleko kweso siphene.

Ethetha eBhisho ngoLwesihlanu weveki ephelileyo ngethuba kuvulwa iNdlu yeeNkosi yaseMpuma Koloni, uNonkonyana uthe: “Siye safunda kwizifundo zikaNkosi Jongumsobomvu Maqoma [wakwaRharhabe], ukuba uJongumsobomvu wayeba nenkundla yokugweba abo baphula umthetho. Wayegweba nabelungu kwanamaKhoi. Lo nto ithetha ukuthi kumhlaba wenkosi akwenziwa nothanda.”

UNonkonyana ubalule ngemizekelo yamatyala acinga ukuba angafumana ubulungisa xa exoxelwa komkhulu.

“Amatyala amaninzi yimfitshimfitshi. Umzekelo xa indoda ixabene nomfazi wayo. Ngokuya sasikhula, umfazi wayesiya komkhulu ayobika isenzo esibi esenziwe yindoda. Ngalo maxesha ke kwakubakho iziphumo xa into iyobikwa komkhulu.

“Kula maxesha umfazi kuthwa makaye emapoliseni, anikwe iphepha elithintela indoda. Iyasilimaza ke thina lo nto kuba imiba enje ibifanele ukuba isonjululwa ngamakomkhulu. Esikwaziyo thina kukuba induku ayinamzi, futhi ayikho indoda enelungelo lokubetha umkayo. Owenze lo nto ufanele ukudliwa inkomo komkhulu. Kubalulekile ke ukuba ubukhosi bunikwe amagunya okuthetha imicimbi yabantu,” utshilo okaNonkonyana.

“Okwesibini, kukho lo mba wokwahlulwa komntu kukuzekwa (ukwenda). Lo mcimbi ubukade uphaya kumakomkhulu kodwa ngoku iinkundla zakomkhulu ziwuthathele kuzo futhi azenzi bulungisa ncam.

“Iinkundla zakomlungu ziye zithi ‘hlukanani’ njengendoda nomfazi zilibale ukuba kukho abantwana kulo mendo, zilibale ukuba kukho inyongo eyafakwa kulo mfazi. Xa lo mba ungabuyela komkhulu, kuza kubakho ubulungisa.

“Amatyala amaninzi akazuya phaya koomantyi, amakomkhulu azakuwaxoxa elandela ubulungisa afumane isisombululo. Kumakomkhulu le nto yokuba isigwinta sinelungelo lokuthula asizokuba nayo thina, ingakumbi xa ukhona umkhondo wokuba inkabi yegusha yakwabani ibiwe ngubani,” utshilo uNonkonyana.

INkulumbuso uOscar Mabuyane uthi kusemdleni karhulumente wephondo ukubona uzinzo kwintlalo yasezilalini.

“Umdla wethu singurhulumente kukudala ucwangco kwiindawo zethu zokuhlala. Ngaphambili ezi nkundla zazikhona phaya kwiinqila noxa nje kwakungekho nto ebhalwe phantsi ngazo.

“Ngoku umdla wethu kukuba mazenziwe zibesemthethweni, zihambisane noMgaqo Siseko. Ezi nkundla ziza kusincedisa kuba mkhulu umthamo wamatyalanyana ebengafanelanga ukuba aya kwinkundla kamantyi edolophini. Ezilalini abantu bayakwazi ukulungisana ngokwezimilo. Sithi ke makuqhube oko, kodwa yonke into yenziwe phantsi komthetho,” utshilo uMabuyane.

UNonkonyana ukwathe xa sele uRamaphosa ewutyikityile lo mthetho, baza kunika ingqwalasela kumatyala abandakanya ukwaphulwa kwemiqathango yolwaluko.