Iintaka zomlambo zityelele emaBambeni

AMAHOBOHOBO, iintaka zomlambo, ashiye umlambo ayokwakha iindlwana zawo kumzi wasemaBambeni kwilali iSoto eMonti.

Ithetha ukuthini le nto? Asingomhlola na lo?

Amahobohobo aziwa kakhulu ngobuchule bawo bokwakha iindlwana ezintle kunene xa kuthwasa ihlobo. Ezi ndlwana, nenjongo zazo ikukuzalela nokuqandusela, ziye zijinge phezu kwemilambokazi.

Izazi zithi amahobohobo akwanaso nesakhono sokwazi ubungakanani bemvula leyo izakuna ukusuka ekuthwaseni kwehlobo ukuya kwixesha lokwindla. Umzekelo xa imvula izakunqongophala, amahobohobo aye azakhe zijingele ezantsi iindwana ezo zawo logama aye azakhele phezulu xa izakuba ninzi imvula.

Kumzi wasemaBambeni uthotho lwamahobohobo afake iindlwana zawo eziliqela. Nguloo ntshiyo-ntshiyo kuba ezintaka zaziwa kakhulu ngengxolo. Kulo mzi ke, kwaTonze ngefani, la mahobohobo akhe kumthi wendywabasi (Acacia mearnsii), umthi oqhama kunene waseAustralia ngokwemvelaphi.

Indoda yeli khaya uMadila Tonze uthi ezintaka ziqale ukwakha kulo mzi kunyaka ophelileyo kwaye zibonakalisa mhlophe “ukuba zizithunywa zomlambo” ezityelele kowabo.

“Xa ndiqokelele imali kakuhle, ndiza kuzihoya ndizenzele umcimbi. Apha emaBambeni singabantu abamhlophe, abangaxhomekekanga ekuthwaseni ukuze babone izinto. Apha ekhaya umntu uyakwazi ukuvuka neyeza ephupheni,” utshilo uTonze.

Ingcali kwimiba yakwaNtu uLoyiso Nqevu uthe: “Xa intaka yomlambo isiya kwakha emzini, ikhona into eyithethayo lo nto. Abantu bomzi kufuneka bangazohlwayi ngokuthi bagawule umthi, koko kufuneka bazame ukuziqonda ukuba yintoni le ebangela ukuba zifune ukuzokwakha kumzi lo.”

Ngokwengxelo yophanda ngemiba yakwaNtu, uMpumelelo Makuliwe, amaBamba athuthwa ngolu hlobo: “Abantwana bakaKrila, amaBamba, Kub’ abambel’umzi kaXhosa ubukhosi asiyontsomi leyo. Ziinkomo zakwaThangana ezo, KwaRhasi, KwaTakashe, KwaMbombo, KwaBhodlinja, KwaHayeni, KwaFithi, KwaMcefane. AmaBandla akuloYono, KwaKhonkotha ntloko yenja, Ndiza kuphothulela ngokuhlwa, Ngamabandla akwaKhawuta komkhulu lawo, AkwaNgconde, AkwaBolose.

“NgamaNdluntsha ke lawo, Inzala kaNoqazo, KaGuntu Nqeno, Iinkomo zikaPhalo, ZikaNgqika, ZikaRharhabe, ZikaGcaleka, ZikaSarhili, Nkomo zibomvu, Nkomo zimdaka zasemlanjeni, Nkomo zimdaka zaselwandle, Mangaphi amaqhinga mBamba? Mahlanu nangaphezulu! Oobhabha phezulu njengenkonjane ehlotyeni nasebusika, OoDizadala kade bemkhwahlaza, Bathi bakugqiba bampakaza, Ukuze balibona bodwa ilizwe, Izinto ezidla ngendeb’endala , OoGuga sithebe kudal’usophulela, OoMakad’enethwa ziimvula engenadyasi, Makad’etyiwa zizinj’engenantonga, Thambodala kade bemqongqotha, Ugaga oludal’oluman’ukuqongqothwa, Inkab’amalang’idyongwe efolosi, Goduka Nonqane wafa yingqele, Kukud’ezulwin’asiyi kufika, Kuya kufik’abaneempondo!”

sithandiwe.velaphi@inl.co.za