Iintanda kwiDA emva kokunqunyanyiswa kukaZille

UMmusi Maimane noHelen Zille Umfanekiso: Bhekikhaya Mabaso

 

Isigqibo seDA sokunqumamisa uHelen Zille kwiinkqubo zalo mbutho sidale iintanda ngaphakathi kulo mbutho emva kokuba uZille evakalise ukuba esi sigqibo siyakhabana namasolotya athile kwimigaqo-nkqubo yombutho.

 

Inkokeli yeDA uMmusi Maimane ubhengeze emini emaqanda ngoMgqibelo ukuba unqunyanyisiwe lo kaZille kwiinkqubo zalo mbutho, kulandela umbhalo awayewubhale kuTwitter ngenyanga yoKwindla etyibela inkqubo yobukoloniyali.

 

“Abo bacinga ukuba inkqubo yobukoloniyali yayigwenxa kuphela, cinga ngokuzimela kwengalo yomthetho, uqoqosho lwezothutho kwanemibhobho ehambisa amanzi,” kwabhala uZille kuTwitter.

 

UMaimane uthe: “Akukho mathandabuzo kwinto yokuba umbhalo kaZille [kuTwitter] ulihlazile igama lethu eluntwini. Siphila phantsi kwenkqubo yedemokhrasi ecekeceke efuna abammeli boluntu ukuba bachule ukunyathela ingakumbi kumba wemisindo esekhoyo eluntwini ngenxa yengcinezelo nefuthe layo.”

 

“Njengenkokeli yombutho, kumoxhekeke kum ukwakha kwakhona intembeko yoluntu. Ndimcelile uNkosazana Zille ukuba axolise kubantu baseMzantsi Afrika nakwiDA. Ngelishwa khange avume. Endaweni yoko, uNkosazana Zille uqhubekile engcolisa igama lombutho ngeengxelo ezigqumelela esizama ukuzuza njengombutho,” kutsho uMaimane.

 

Kodwa uZille ukhuphe eyakhe imbalelwano emva kwesi sibhengezo esithi icandelo le-3.6.3 lalo mbutho liyakhabana nesi sigqibo sibhengezwe nguMaimane. Eli candelo linyanzela iDA ukuba imnike ithuba lokuphalaza imbilini yakhe lowo uzakunqunyanyiswa.

 

“Ileta endiyinikwe ngusihlalo weDA uJames Selfe naleyo yenkokeli yeDA uMmusi Maimane ziyakhabana. Umnu. Selfe undinike de kubengumhla wesithandathu kule nyanga ukuba ndichaze ukuba kutheni ndingenakunqunyanyiswa logama ekaMnu. Maimane ibonakalisa ukuba sele ndinqunyanyisiwe,” utshilo uZille.

 

“Aziyonyani [iingxelo zikaMaimane] ezithi zange ndivume ukuxolisa, kuba ndaxolisa esidlangalaleni. Into endingayivumanga yile yokuba ndivume amatyala okuziphatha gwenxa, kuba ayikho lo nto,” kutsho uZille.

 

Esi sigqibo seDA akukho nto siyithethayo ngesikhundla sikaZille njengeNkulumbuso yaseNtshona Koloni, into ethetha ukuba uzakuqhuba esebenza kuso logama enqunyanyisiwe kwiinkqubo zombutho.