Iintloni ziyamakha umntu

Into eqhubeka kweli lizwe iyoyikisa. Zaphela iintloni ngoku. Xa kwakukhutswa uMnuThabo Mbeki babesazi kakuhle Abantu ukuba lo Rhulumente uya eliweni ngethuba befaka umnumzana Zuma.

Ngoku kunzima ukumkhupha ngoku sele ehlazise lonke lizwe. Kuyabonakala ukuba bonke abantu banahlanje abazisokolisi ingqondo ngokwahlula okungalunganga nokulungileyo. Bathini ke bona abantwana bethu xa kunje.

Xa iNkundla yomgaqo siseko isikhuphile isigwebo sokuba utata uZuma akenzanga kakuhle, yintoni ebangela ukuba wonke umntu okwiANC ePalamente acinge ngokufanayo, BANGAVUMI xa kuthiwa makehle? Sekwaphela iintloni ebantwini ngoku, kwamka nenyaniso.

Kodwa into ebalulekileyo kukuba, nokuba abavumi KODWA INYANISO bayayazi. Nathi thina bavoti siyabubona ubuxoki obu. Kodwa ngenye imini basazakulwa bodwa. Waphuma nje ngomnyango utata uZuma, kuzakutwela abantu.

UThixo zange adale abantu abafanayo ngokucinga nanini, oku kufana kokucinga kweqela elilawulayo ePalamente kuyoyikisa, kwaye liyemka ilizwe sijongile, kusukela ngowe 1652 mhla kwanyathela uJan van Rebeeck eKapa, owathi waqala ngesitiya samazambane wagqibela ethatha ilizwe lonke ngeemfazwe.

AbaseIndiya bona babeze kubonisa nokuthengisa izipayisi mhla bafika eNatala kanti kumhla yasezandleni zabo i-ikhonomi yethu. Sekutheni ngoku sonke sangamagwala ngenxa yegama elithi African National Congress, sizibone sesicingelwa ngabanye abantu, sidalwe sanengqondo yokubona okubi nokulungileyo?

Utata uZuma noko uyacelwa ehle kakuhle, uyidlalile eyakhe indima ngexesha lakhe. Wayengene kaloku kuba iinkundla zamatyala ziwachithile amatyala akhe ngoku, kwakhona ikwayinkundla embona engenzanga kakuhle, kufanele azamkele ezi ziphumo, njengoko zamkelwayo ezichitha amatyala akhe.

Iintloni ziyamakha umntu. Sonke mawethu masixube neentloni xa simthethelela.

ZEMK’ INKOMO MAGWALANDINI.