Iintshatsheli zamanqindi zikhwebula ulutsha kwiziyobisi

Liyinyani elithi ekunyamezeleni ukhona umvuzo, ingakumbi xa unyamezelele into oyibonayo ukuba ilungile. Lawo ibengamazwi entshatsheli yamanqindi kwabasetyhini yaseMdantsane uNoni Tenge (35) ngethuba inkonzo yesipolisa yaseMdantsane, libambisene nesebe lezoluleko kwakunye nesebe lophuhliso loluntu bedibanise ulutsha phantsi kwephulo iBoxing Against Crime kwa-N.U. 2 eMdantsane izolo.

Kweli phulo lokulwa ulwaphulo mthetho, amapolisa ebebize bonke abo babandakanyeka kumanqindi abanokuthi babenefuthe kulutsha lweli abaquka uMbulelo Botile, uJackie Gunguluza kwakunye noVuyani Bungu nabanye abasakhulayo.

UTenge ongasenabo abazali, kodwa othe gqolo ukwenza kakuhle kumdlalo wamanqindi ukhuthaze loo nginginya yabantu abatsha ukuba lusebenze nzima ukufezekisa amaphupha alo.

“Andisukanga ndazokuzibeka kule ndawo ndikuyo namhlanje ndibekwe nguThixo kwanokuthobela, kwaye ndimele le nto ndinqwenela ukuba yiyo ebomini. Ndikhule njengabanye abantwana ndikhula noobhuti bam, ukungagolozi xa babezama ukundifaka emanqindini ndiseneminyaka eyi-13 kwandinceda.

“Okubalulekileyo kukuba abantu abatsha mabahambele kude neziyobisi. Zazi ebomini ukuba ufuna ntoni,” utshilo uTenge.

Ukanti omnye usaziwayo emanqindini uBungu uthe, bafuna ukuba yimizekelo nangakumbi ebantwaneni ingakumbi abo bafuna ukulandela icandelo lamanqindi. “Kulula ukuba abantu abatsha bangatshintsha, lowo sele ekwimeko embi ingakumbi ukuba ufuna impumelelo ebomini. Akukho namnye umntu esakhe samva esithi utywala bumenzele into entle ebominni, abantu abatsha mabakhe balandele ezi zinto zintle,” utshilo uBungu.

Othethela amapolisa aseMdantsane uNkosikho Mzuku uthi, oku ziinzame zokususa abantu abatsha kulwaphulo mthetho.