Iintshatsheli ze- MTN 8 zifumene ishumi lamawaka

Iqela lebhola iAce Cosmos ibe ziintshasheli zeMTN8 ngaphantsi kweMdantsane Football Association kwimidlalo ebiseOrlando Stadium eMdantsane Umfanekiso: BHEKI RADEBE

Emva kweeveki ezimbini zonke amaqela ebhola ekhatywayo ekhuphisana, kude kwavela iintshatsheli emdlalweni wokugqibela weMTN 8 yaseMpuma Koloni edlalwe ngamaqela aphantsi koMdantsane Football Association.

Inkampani yakwaMTN isungule itumente entsha kraca kulo nyaka, efana ncamashi naleyo edlalelwa ngamaqela amakhulu kwiPSL – iMTN 8.

Amaqela athe athatha inxaxheba kwisiqendu sokuqala seMTN ibe yiRelatives, iSuper Race, iAmbassadors, iTexas, iGreen Lovers, iDiplomats ne-Ace Cosmos.

Okuye kwagqama emidlalweni yetumente yonke yitalente engummangaliso eMdantsane nokudlala ngokuzimisela okuthe kwaboniswa ngabadlali bamaqela onke.

Umahluko phakathi kwamaqela kwicala lokudlala ibhola esemgangathweni ubumncinane – kodwa kubekho amaqela afana neGreen Lovers athe agqwesa kwicala lokufaka amagowuli.

Iintshatsheli zeMTN 8 yaseMpuma Koloni zokuqala ibe liqela ekuthiwa yiAce Cosmos eyoyise iGreen Lovers ngamagowuli amabini kwelinye (2-1) kumdlalo obunzima kwingqatsini yelanga eOrlando Ground, eMdantsane, kwiveki ephelileyo.

Phambi komdlalo wokugqibela, elona qela ebekucingeleka ukuba lingathatha indebe yiLovers ngenxa yabadlali bayo abe befaka amagowuli kakhulu emidlalweni.

Iqela ngalinye kwasixhenxe kwiMTN 8 linikwe imali engamawaka amabini anamakhulu amahlanu eerandi (R2 500).

ULwazi “Wire” Mnyaka weCosmos ugoduke engakwazi ukuwuvala umlomo luncumo emva kokuthiwa jize ngewaka elinamakhulu amahlanu eerandi (R1 500) emva kokuba echongwe njengoyena mdlali othe waqaqamba kwitumente yonke.

Iqela eliphumeleleyo linikwe indebe yeSilivere ekhatshwe ngamawaka alishumi eerandi (R10 000).

Abadlali beCosmos bayifumene impumelelo bevile emva kokusokoliswa yiGreen Lovers kumdlalo wokugqibela.

Umququzeleli okwangumphathi kwaMTN, uElla Ajayi, uthe uyavuya kakhulu ngokuba itumente yokuqala iqhube kakuhle kakhulu.

“Itumente yethu (MTN 8) iqhube kakuhle kakhulu.

Eyona njongo yethu ibikukuqinisa ubuhlobo phakathi kwethu nabathengi bethu,” utshilo uAjay.