Iintsuku ezili100 zokuqala kukaRamaphosa

Unyaka waqala kamnandi kweli Monti kugcwele amalungu kaKhongolose yonke nje indawo kweyoMqungu; sothulelwa intetho ye “January 8” ethembisa ukuba kuza kulungiswa yonke nje into kwaye izinto ziza kuqala ngexesha.

KweyoMdumba wangena kwizihlangu zokuba ngumongameli uRamaphosa. NgoMgqibelo lo siya kuwo ugqiba iintsuku ezilikhulu (100) engumongameli. Wenze njani?

Abanye bathi ngumongameli wezithembiso, ngumongameli wokuvuka ekuseni azilolonge nabantu, bambi bathi ngumongameli ozokulungisa iingxaki ezadalwa nguMongameli Zuma.

Ininzi iyantlukwano kule ANC ayiphetheyo uRamaphosa kwaye oko kwenza kube nzima ukuthatha izigqibo ezikhawulezileyo. Umzekelo nantsi inkulumbuso yaseMntla-Ntshona, uSupra Mahumapelo, osokolise mpela kwanyanzeleka ukuba kuqhankqalaze abahlali, kuvuthe imililo ukuze abe uyaphuma.

Kumba wemfundo yasimahla kwiiyunivesithi akukacaci nto kwaye abantwana basantyumpantyumpeka kuNSFAS. IYunivesithi iWalter Sisulu ime ngxi sibhala nje. Ziphi iikomishini zokunceda ezi yunivesithi zasoloko ziqhankqalaza?

Kwakuqhankqalazo kukhe kwaphela into engangenyanga iibhasi zime ngxi. Ixesha elide kangaka? Njani? Kumba womhlaba akukacaci nto, sonke sivuyela umhlaba kodwa asikazifumani iinkcukacha zokuba ngubani oza kufumana ntoni, nini, njani.

Kubekho nalo mba kaSASSA, inkampani ebekumele ukuba yaphuma yanikwa ixesha elongezelekileyo. Zange olu rhulumento lukaRamaphosa lukwazi ukwenza isigqibo, ngoku kulindeleke ukuba iposi ithubelezise iimali zenkamnkam ukusukela kweyeDwarha kulo nyaka.

Kukwakho nezithembiso zokukhulula ezoqoqosho msinya. Zininzi ke nezinye izithembiso. Zonke zinika ithemba kodwa asikaboni nenye isenzeka. Singabe sisithi uRamaphosa uthwele ilifa likaZuma.

Kuza kunyanzeleka akhawuleze alungise zonke iimpazamo zolawulo lukaZuma ezifana nokuqesha abantu abangafanelekanga nabanomthwalo wezityholo zobuqhophololo.

Kuza kulunga ukuba aqale ukugxotha uRamaphosa ukuba ufuna ukuzibonakalisa.