Iintsuku phambi kokukhothama kukaZwelonke

Ngethuba kusembathiswa uKumkani uZwelonke eNqadu kuGatyanaumfanekiso: Phando Jikelo

XA amalungu osapho lwakhe ebemcebisa ukuba alaliswe kwisibhedlele sabucala eMonti ngoMvulo womhla weshumi elinanye kule nyanga, uKumkani Mpendulo Calvin Zwelonke Sigcawu walile, esithi ufuna ukuya kowabo kwiKomkhulu lamaXhosa eNqadu kuGatyana.

Kodwa impilo iphinde yamongamela ngobusuku bangoLwesibini (umhla weshumi elinesibini), ze unkosikazi wakhe uKumkanikazi Simanye Sigcawu wavuka wafowunela umninawa wakhe (Nkosana Simphiwe Sigcawu) ngentseni yangoLwesithathu efuna ukuba kubizwe iambulensi.

Ithathe iiyure ezivisayo loo ambulensi kodwa yade yafika yamthatha yamsa eMthatha emalanga ngoLwesithathu.

Ngethuba elinde kwisibhedlele iNelson Mandela Academic, amaphakathi ebezama inqwelontaka yokumsa kwisibhedlele iChief Albert Luthuli eThekwini, kodwa ngelishwa umntwan’egazi ukhothamele apho.

Emva kweendaba zokukhothama kukaKumkani, amazwi ovelwano, akhatshwa lunxunguphalo, athe gqolo ukuthontelana.

Bambi beqaqambisa ubuntu nesisa sale Kumkani njengento abakuhlala beyikhumbula.

Abahlali baseNqadu bathi zibothusile ezi ndaba. UNokwanele Nokhangela ohlala kufuphi neKomkhulu uthe: “Sibuhlungu kakhulu. Ebemncinci kakhulu kwaye besisajonge kuye kuba uyabathanda abantu. Ebesoloko ethetha ngentliziyo enobubele kwaye ekuthanda ukucebisa kwimiba edla umzi.”

Umfundi kaGrade 10 uSiyabonga Dila eXolilizwe Senior Secondary, isikolo esithiywe ngotata kaKumkani Zwelonke, uthi le Kumkani ibiqhele ukufika kwisikolo sabo ibakhuthaze ngokubaluleka kwemfundo.

INkulumbuso yaseMpuma Koloni, uOscar Mabuyane, uthi le Kumkani ibingumntu othanda inkqubela kwisizwe sayo.

Inkokeli yeUDM, uBantu Holomisa, obengomnye wabokuqala ukuya kuvela Komkhulu ngomhla wokuvakala komphanga, uncome le Kumkani njengomntu obethanda imiba yophuhliso. “Ebeyithanda into edibene nophuhliso kwisizwe sakhe futhi xa ebona ukuba alukho, njengokuba sibona kwiphandle ebelifudula lisaziwa njengeTranskei,” utshilo uHolomisa.

UKumkani Mpendulo Calvin Sigcawu, Ah! Zwelonke, uzalwa nguKumkani Xolilizwe Sigcawu kwakunye neKumkanikazi uNozamile Sigcawu, phantsi kweqadi leNdlu eNkulu kubuKumkani bamaXhosa eNqadu kuGatyana.

UKumkani Zwelonke uzelwe ngomhla wesine kuTshazimpuzi ka1968 ezalwa neNkosana uSimphiwe Sigcawu kwakunye neeNkosazana uVuyiswa Sigcawu noNontathu Sigcawu.