UKUBHIYOZELA inyanga yobuAfrika, iEstudio Glam ibambisene nabanye izakube ibambe umboniso wesibini wezeenwele nefashoni ( Africa Eastern Cape Hair and Fashion Show).
Esi siganeko kulindeleke sibanjelwe eBuffalo Toyota ngomhla wama20 kuCanzibe ka2018 eBeacon Bay eMonti.
IAfrica EC Hair and Fashion Show ineenjongo zokunciphisa izinga lokubukulana ngokobuzwe kumaAfrika (Afrophobia) ngokubhiyozela iinkcubeko ezohlukeneyo ngeenwele nefashoni.
Umququzeleli wale mini, uLwandi Ngebe, uxelele I’solezwe ukuba ezi zinzame zokumanyanisa amaAfrika.
“Uyakuqwalasela ukuba abemmi bamanye amazwe bafika apha benze ushishino lokwenza iinwele (salons) nefashoni. Ngale ndlela sizama ukukhuthaza imanyano njengamaAfrika nanjengoko abemmi boMzantsi Afrika abaninzi besebenza kwezi saloni,” uphawule watsho uNgebe.
UNgebe uthi nanjengoko ilizwe libhiyozela ubomi bukaNelson Mandela kulo nyaka, ngalo mboniso bafuna ukwenza igalelo ekwakheni iAfrika engenanzondo.
Abenzi beenwele, abayili beempahla namanye amagcisa aphuma kwiMpuma Koloni bazakube bebonisa ngemisebenzi yabo ngolu suku.
Iisaloni zezinye ezibonwa njengezinegalelo ekudaleni imisebenzi ezinzileyo, ngoko lo mboniso uza kunika iqonga oosomashishini beli candelo ithuba lokunxulumana nezinye iinkokeli ezisebenza ngobuhle neenwele.
Kulo nyaka, oosofashoni neevenkile ezithengisa iimithungo kwakunye namanye amagcisa, baza kukhwela eqongeni besonwabisa ababukeli.
USonwabile Ndamase owaziwa njengomthungi weehempe zikaMadiba kwakunye nomoluki weenwele uVuyo Bene baphakathi kweendwendwe.
UNgebe ukwadize ukuba baza kunikezela ngembasa kwishishini eliqhuba kakuhle ngokunjalo nangezixhobo zokusebenza kumsitho wemibhiyozo kaMandela eza kubanjelwa eRhawutini.
simphiwe.freddie@inl.co.za
iEFF imenywe kwimibhiyozo yeMK Party