Iinyosi ezigcwele emangcwabeni

Ekhaya sinomninawa wethu owabhubhayo ngendlela engaqondakaliyo. Umninawa wam waba ngumntu wokuqala phaya efemilini nakulaa ndawo sikuyo ukufunda imfundo ephambili.

Ufunde wafumana isidanga sobugqirha. Ukhawulezisile wavula isejari yakhe emva kweminyaka emithathu ephumelele.

Waba ngumntu onomkhokha nonconywayo ngabantu ngomsebenzi wakhe omhle. Kodwa ngelishwa sithe sisabukele wasweleka ngelishwa kwingozi yemoto yakhe awayeyiqhuba. Moto leyo eyathi yaphuma endleleni eqhuba.

Wafunyanwa eswelekile engenawo nomkrwelo nemoto ikroboke nje ifestile yangaphambili kusithiwa yena waphuke ilungu lentamo. Silikhaya sashiyeka sikrokra sisithi le nto inento yayo nokuba sele kutheni.

Umninawa sathi samngcwaba kumangcwaba akwamasipala, saze ingcwaba lakhe salisamenta. Kwaba ke kuphelile ngaye ubhubhile, ungumfi.

Kuthe emva konyaka simngcwabile seva ukuba engcwabeni lakhe kuntshule umthi onesikhondo esikhulu apha phezu kwalo.

Sithe sisajonge ukuba sidibane singamakhaya siza kuya kweli ngcwaba sifike sigawule lo mthi, bathi abantu abasondeleyo kweli ngcwaba babone kwakhele iinyosi apha engcwabeni malunga neengcambu ezi zalo mthi.

Sidibene singamakhaya kwathiwa ezi nyosi mazixhelelwe zisilelwe. Ngokwenjenje oku ke besifuna zithi zakumka siqale ke ngoku sigawule lo mthi ukuze siphinde sililungise ngokutsha ingcwaba.

Ngokwenene sibusilile utywala senza yonke into esixelelwe ngayo ngabantu abaziyo abathi iyenziwa ezinyosini.

Ingxaki sithe xa sizama ukusondela kwezi nyosi zikweli ngcwaba zasikhawulela. Sithe ngokoyika ukutyiwa asabi sakwazi ukusondela. Noko le nto ingumnqa eyokufa kakubi komntu ze kuphinde kwenzeke esi simanga seenyosi ezakhele engcwabeni.

Impendulo: Ngokonqulo lwesiNtu iinyosi ngabantu bekhaya. Iinyosi zaziwa ngokuba zizinyanya. Ngokwenkolo yesiNtu ikhona imithi enxulunyaniswa namangcwaba. Imithi ebisithi ityalwe ecaleni kwamangcwaba nebekusithi laziwe ngayo apho likhoyo ingcwaba likabanibani othile. Imithi efana: nomphafa, umthathi, umqwashu, umhlontlo, umsintsi, ikhala, ikhamango, umbhabhanga neminye ke imithi.

Le mithi yimithi ekungelula ukuyitshabalalisa, yimithi ekwaziyo ukuhlala amakhulu ngamakhulu eminyaka. Kuthiwe kwindawo ethile phantsi komthi othile lilapho ingcwaba likabani.

Mna ndingathi ezi nyosi nalo mthi ziyekeni ningaziphazamisi, koko nje ngamathuba athile umntu wekhaya obona kufanelekile angaya kweli ngcwaba anike izinqulo acele intsikelelo namathamsanqa.

NgokwesiNtu ingcwaba aliphazanyiswa. Ndizama ukuthi ngokuvela kwezi nyosi nalo mthi umninawe wenu mamkeleni njengomnye wabantu abakhoyo phakathi kwenu. Thina silusapho lukaNtu siyakholelwa kubomi ngaphaya kwengcwaba. Kwaye ngokwesiNtu amangcwaba awagrunjwa.

UBudaza, G.S. (1980:73) kwincwadi yakhe ethi, ‘Khawufan’Ucinge,’ xa ebonisa ukuhlonitshwa komntu olele ukuthula, uthi: “NgokwesiXhosa isidumbu yenye yezinto ezoyikwa kunene. Ukungqina oko besingagcinwa ntsukungaphi phambi kokuba singcwatywe. Ngamanye amaxesha bekude kuvulwe nomngxuma eludongeni sikhutshwe ngawo xa sisiya kungcwatywa. Kwezinye iindawo bekuye kukhutshwe amadoda asihlabe isidumbu phambi kokuba siye kungcwatywa ukuqinisekisa ukuba ngaba siso ngenyani. Kwezinye iindawo isenziwa nangoku loo nto. Umngcwabo wona ibiba sisiganeko esilusizi esiyiwa ngabantu abakhulu kuphela. Isidumbu besingaboniswa bantu, kuba kaloku sasisoyikwa. Kwakungabikho zipho, mikhonto nantyatyambo, kuba kaloku kwakungagcotywanga.

Ibiba ngamadoda kuphela ashiyekela ukugqumelela elo ngcwaba, kanti ke ngamanye amaxesha abafazi babengavunyelwa ukuba baye emadlakeni. Nakuba olu loyiko lwesidumbu belungaka, ngamanye amaxesha inkosi okanye umninimzi ubengcwatyelwa ekhaya ngasebuhlanti ukubonisa imbeko nesidima salowo ungcwatywe apho.

KwaXhosa amangcwaba ebengabiyelwa ahonjiswe ngeentyatyambo; ebengahlakulwa agcinwe ecocekile njengawasemLungwini. Neendlela bezingadli ngokusondela emangcwabeni.

Ngokwenjenje ke ndibonisa unqulo lwesiNtu malunga namangcwaba. Ndizama ukuthi kwamkeleni ukusweleka komninawa wenu. Zamkeleni iinyosi nomthi okhule phezu kwengcwaba lakhe.

Xa ingcwaba belisanyentiwe lalihle, lize lithi xa lisonakala, naxa abantu bekhaya bebecinga ukulilungisa lisuke lona lifikelwe ziinyosi, umntu ocinga ukulilungisa angenza njani?

Impendulo: Yonke into ixhomekeke kwinkolelo yomntu, xa abantu beloo khaya bekholelwa kwiinyosi njengabantu bekhaya bafanele baliyeke bangaliphazamisi. Bona mabamane besiya kunqula kuzo.

Kanti ke xa bengakholelwa bafanele bacele kwiinkonzo zakwamasipala bafune uncedo lwabantu abafuya iinyosi zize iinyosi zisuswe kwelo ngcwaba. Iinkolo zabantu ke ziyakwazi ukuphikisana phakathi kwekhaya, abanye abantu nangona beyilandela inkolo kaNtu bakholelwa ekuthini izinyanya zabo ziphumla kakuhle xa bathe bawasamenta amangcwaba ezizalwana zabo.

Phantsi kwezi meko ke ubuchule kukuba abantu bekhaya baye kweli ngcwaba bathethe nalo baxele ukuba bafuna ukulilungisa kodwa ke kukho ezi ndwendwe zihleli kweli ngcwaba. Mabathethe baxele ukuba baza kuziphakula.

Ukuziphakula ke kundidimbini: xa bekholelwa kwisiNtu mabaziphakule ngokwenkqubo yesiNtu. Xa bengakholelwa kwinkolo yesiNtu mabacele imizi efuye iinyosi okanye umasipala abaphakulele. Ngokwembalelwano esiyifumene kumfundi othe ungowasemaMpondweni uthe iinyosi ziza ekhaya zizizintlu ezimbini.

Isintlu sokuqala seenyosi: Iinyosi zindwendwela ekhaya xa kuthi kanti kukho nto ekufuneka yenziwe, zithi ukuze zihambe kuqale kusilwe umqombothi kuze kuthethwe nazo kwelo khaya.

Isintlu sesibini seenyosi: Ezi iinyosi zifika xa kukho umntu ogulayo kubonwa ngazo zifika kuloo ndlu ahleli kuyo, ziyizule yonke zibhabha zize zivule imingxuma apha eludongeni zisitsho ngengxolo enganyamezelekiyo.

Zakuthi ke zakuphuma apha endlwini zikhangele indawo eziza kuthi zakhele kuyo apha ekhayeni, nokuba kusegadini. Kwakuthi kwakufika ukufa kuloo mntu obegula abantu xa bechitha amayeza aloo mntu obegula, ezi nyosi nazo zitsho zinduluke kuloo ndawo bezikuyo.

Zishiya kuloo ndawo zibutyile ubusi obo bazo kushiyeke amathole azo odwa. Emva koko kuza kunqaba kwanto ithi nyosi kuloo mzi.