Iinzame zokubuyisa amadoda akwaGupta

UAjay noAtul Gupta. UMFANEKISO: MARTIN RHODES/BUSINESS DAY/GALLO IMAGES

Urhulumente welizwe loMzantsi Afrika akapheli mandla kwiinzame zokuba ilizwe laseUnited Arab Emirates lithumele kweli amadoda amabini osapho lakwaGupta uAtul noRajesh.

Oku kulandela iinzame eziliqela zikarhulumente weli zokubanjwa kwala madoda ngezityholo zobuqhophololo bemali nezinye. Isebe lezobulungisa noluleko kweli alipheli mandla lizama ukuba la madoda athunyelwe kweli ukuba eze enkundleni ukuze aziphendulele.

Ilizwe loMzantsi Afrika linobudlelwane obuhle nelizwe laseUnited Arab Emirates, ngoko kulindeleke ukuba ukuthunyelwa kwala madoda kwenzeke ngaphandle kwengxaki.

Konke oku kulandela ukubanjwa kwamanye amadoda osapho lakwaGupta aquka uAnil noAjay eDehradun eIndiya. Othethe egameni lela sebe uCrispin Phiri ucacisa ngcono ngeenjongo zabo zokulandela la madoda akwaGupta.

“Aba bantu sele beseziseleni kweli laseUnited Arab Emirates, ngoku sixhomekeke ngamandla kwintsebenziswano yelizwe laseUAE ukuze la madoda athunyelwe kweli,” kutsho uPhiri.

Uhambisa athi basekwiphulo lokucenga urhulumente welizwe laseIndiya ukuba nalawo amadoda akwaGupta avalelwe eIndiya athunyelwe kweli.

“Konke kuxhomekeke kwintsebenziswano esakuyifumana kula mazwe mabini, kodwa sinethemba lokuba kuzakude kwenzeke ukuze beze kujongana nengalo yomthetho,” kutsho uPhiri.

La madoda akwaGupta abangunobangela wokonyeliswa korhulumente kaJacob Zuma kusithwa ngabo abatsala urhulumente ngempumlo.

Amagosa amaninzi karhulumente weli ngexesha likaZuma ayegoba ethatha imiyalelo kumadoda akwaGupta. Ngenxa yemikhuba yala madoda kwamiselwa iKomishini eyayijoliswe ukukhangela ukuba ngaba ngenene la madoda akwaGupta aphethe.