Iinzame zokulwa indlala eMpuma Koloni

UMphathiswa weSebe lezolimo nophuhliso lwamaphandle eMpuma Koloni, uNonceba Kontsiwe, udize isicwangciso sokulwa indlala ngezolimo kweli phondo. IMpuma Koloni iphakathi kwamaphondo achazwe ukuba aneempawu zendlala ebangela ubomi obukrakra ingakumbi kwiintsana.

UKontsiwe uthi benza oku beyinxalenye yeenzame zeNkulumbuso yeli phondo ezijolise ukulwa indlala (Provincial Food and Nutrition Security Plan).

“Injongo ephambili kukuba silwe indlala ngokucacileyo eMpuma Koloni, sijonge ukukhuthaza ukuvuselelwa kweegadi emakhaya ngokwenza ulimo olubanzi,” kutsho uKontsiwe.

Kuthiwa phantsi kwesi sicwangciso kulindeleke ukuba kuvulwe amaziko okuthengisa izithole ukuze kwande ulimo eMpuma Koloni.

“Kuza kuncediswa amakhaya angamashumi amane anesibini amawaka ukuze akwazi ukulima kwaye azivelisele ukutya kwayo ezigadini, konke oku lilinge lokulwa indlala eMpuma Koloni,” kutsho uKontsiwe. Ukukhuliswa kwezolimo kunganceda ukulwa indlala logama kuzakuthoba amaxabiso okutya ngamandla eMpuma Koloni.

“Simema wonke ubani ukuba athathe inxaxheba kumalinge okuveliswa kokutya ukuze silwe indlala ngamandla eMpuma Koloni, umhlaba ukhona kudingeka nje isicwangciso,” kutsho uKontsiwe.

Eli phulo lizakuhambelana neenzame zokuvuselelwa kweempompo zamanzi kwiindawo ezahlukeneyo zephondo leMpuma Koloni ukuze akwazi ukunkcenkceshela amafama.

“Sele sifake iimpompo ezingamakhulu amabini anamashumi alithoba kwiilali ezilishumi elinesibini nekulindeleke ukuba kuxhamle kuzo amakhaya angamawaka amabini namakhulu amabini,” kutsho uKontsiwe.

Lo Mphathiswa uthi bazimisele ukukhulisa amafama kwiindlela zala maxesha zokwenza izinto ukuze kukhawuleziswe indlela ekusetyenzwa ngayo.

“Siyathemba ukuba eli linge lizakuvuselela umdla kwezolimo ingakumbi kubantu abatsha ukuze bazibone bethatha inxaxheba kwezolimo ukuze kuphele indlala, logama kuvela amathuba emisebenzi,” utsho uKontsiwe.