Iinzame zokunqanda inyhikityha yokubulawa kwabantu

Abefundisi beli Phondo bezimase Imbizo eChafutweni kuGatyana ngethuba beyokuhewula ukufa kwabantu bedutyulwa.

Imbonakalo kwanokuxhaphaka kwamapolisa ekuhlaleni yenye yezinto ebeziphambili ziphakanyiswa ngabahlali baseChafutweni kuGatyane, ngethuba iNkulubaphathiswa yePhondo, uMkomishinala wePhondo emapoliseni, iiNkosi , abefundisi, amagqirha namanye amasebe engungelene eChafutweni kuyokuhewulwa umkhwa wokubulawa kwabantu bedutyulwa ngokungenalusini ngabantu abangaziwayo.

Oku kuza emva kokuba kule lali kubhubhe abantu abathandathu kwinyanga ephelileyo, abathathu ingabomzi omnye.

UNkos’ uNdabelo Mtoto uthi oku kwabothusa kungoko babona kubalulekile kwaye lunyanzelekile ungenelelo lukarhulumente kule ndawo.

Uthi aba bantu babulawa ngokudutyulwa ngemipu. UMtoto uthi kungoko becele umthandazo kuba nabo baxakene nento eyothusayo yokufa kwabantu kanje. “Kula maxhoba kukho nomninawa wam odutyulwe wabhubha kwangoko naye. ”Ebuhlungu yeyokuba kukho nomntwana onama-11 eminyaka owayezimele ngantsi kwebhedi ebukele kudutyulwa abazali bakhe,“ utshilo uMtoto.

UMkomishinala wePhondo uNjengele Liet Nomthetheleli Mene uthi sele bebanjiwe abarhanelwa malunga noku kubulawa kwabantu kule ndawo kwaye uphando luyaqhuba.

UMene ukwathe ukuxhaphaka kwamapolisa kula mmandla kuza kuthathelwa ingqalelo. UMene ukwanikezele ngale nombolo kubahlali ekubeni bachaze izenzo zolwaphulomthetho ekuhlaleni (040 608 7562/7524).

Inqununu yesikolo samabanga aphantsi kule lali ithi abantwana bona bayaphakuzela esikolweni bacela ungenelelo lukarhulumente kuba bekudutyulwa bekhona bebukele.

Umzali olixhoba lodlwengulo nowadlwengulelwa umntwana wakhe akugqiba wabulawa kwiminyaka edlulileyo, uthi ukuba kungabakho izinto ezinokuthi ziphuhlise abantwana ezilalini lingehla izinga lokusetyenziswa kweziyobisi kwanokukhulelwa kwamantombazana esemancinci.

Umphathiswa wezeMfundo uFundile Gade nobekwisitulo seNkulubaphathiswa, uthembisile ukuba izikhalo zabahlali zivakele kwaye uza kubakwiintetha nabasemagunyeni kuquka nosodolophu waseMnquma.

Abahlali bakwacele nekliniki besithi bahamba imigama emide ukuya kweyaseGwadana eDutywa ngenyawo ukusuka eChafutweni kuGatyane.