Iinzame zokuphelisa ukutya kwiSOPA

INdlu yoWisomthetho yaseMpuma Koloni eBhisho ithi ikwiinzame zokuphelisa kwanto ekukutya kumsitho wentetho yokuvula iPalamente yephondo iState of the Province Address (SOPA).

Oku kuza emva kokuba le Ndlu icuthe inkcitho ukusuka kwiR800 000 kunyaka ophelileyo, ukuya kwiR500 000 kulo nyaka.

KwiSOPA ka2018, imali eyayichithiwe yayiyi R3.4 million. Le mali ibichithwa kwizibiliboco ezifana nokutya kweendidi ezintathu, iintente, iitafile nezitulo ententeni, izindlu zangasese ezihamba ngamavili, umoya obandayo okanye oshushu ententeni, isandi sezithethi nokunye.

Ngoku iphelile lo nto, kuba iSOPA yenzelwa ngqo kwiNdlu yoWisomthetho emva koko kutyiwe amaqebengwana namaqathana.

Ethetha noonondaba eBhisho izolo, uSomlomo weNdlu yoWisomthetho, uHelen Sauls-August, uthi konke oku kukuqhuba nenyathelo lanyakenye lokucutha inkcitho kurhulumente logama kuqinisekiswa ukuba abantu bafumana iinkonzo ngendlela efanelekileyo.

“Into esiyifunayo (ukusukela kulo nyaka uzayo) kukuqinisekisa ukuba akukho kwakutya kwiSOPA, umntu ozileyo azithengele ukutya ngokwakhe,” utshilo uSauls-August.

Kulo nyaka iindwendwe ezimenyiweyo zingamakhulu amane anamashumi amahlanu (450). Kwezo ndwendwe kuquka noKapteni wamaBhokobhoko uSiya Kolisi.

“Sifumana iminxeba ngapha nangaphaya yabantu abafuna ukumenywa kwiSOPA, kodwa ngenxa yokubopha ibhanti asinakukwazi ukwamkela wonke umntu. Abo bangakwazanga ukuza bangayibukela iSOPA kwiindawo zikawonkewonke ezilungiselelweyo,” utshilo uSauls-August.

INkulumbuso uOscar Mabuyane uza kwenza intetho yakhe yeSOPA ngoLwesibini weveki ezayo, umhla wamashumi amabini anesihlanu.

Abo bangakwazanga ukuya kwiSOPA bangabukela kwezi ndawo zilandelayo, nezilungiselelwe uluntu ngurhulumente: Libode Town Hall (OR Tambo), Greenville Community Hall (Alfred Nzo), Chris Hani Community Hall (Joe Gqabi), Barthust Community Hall (Sarah Baartman), Nongoza Jebe Hall (Nelson Mandela Metro), Mzwini Community Hall (Amathole), Nomonde Community Hall (Chris Hani) neMoses Twebe Hall (Buffalo City).