Iinzame zokuphuhlisa ulwimi lwenkobe

Kuphehlelelwe iincwadi zolwimi lwesiXhosa kwakunye nezolwimi lwesiSotho kumsitho obubanjwe liziko le-Early Child Development Centre (ECDC) yeYunivesithi yaseFort Hare kwiziko lezobugcisa iMiriam Makeba eMonti ngempelaveki.

Ezi ncwadi zibhalwe ngababhali abakwiECDC kwiYunivesithi yaseFort Hare nejongene nokuphuhlisa oonomngqushwana abasuka ekuzalweni ukuya kwiminyaka emihlanu ngolwimi lwesiXhosa.

Omnye wababhali nguCebo Solombela nobhale incwadi ethi Ihambo kaNozincwadi, apho athi ubhale ngobom bukaGcina Mhlophe.

USolombela uthi abantwana abaninzi bakhule bemamela kwaye befunda ngamabali kaMhlophe ewenza ngolwimi lwesiXhosa.

“Sifunde lukhulu kumam’ uMhlophe. Ungabanye babantu abangenakulityalwa kuba udlale indima enkulu ekuphuhliseni ulwimi lwethu.”

USolombela uthi ezi ncwadi ziyafumaneka ngesiSotho nangesiXhosa. Kwaye uthi bazibhale ukuba zisetyenziswe isikakhulu kwizikolo eziphantsi koECDC.

UGqirha Namhla Sotuku ongumlawuli weECDC uthi waqaphela ukuba lunqabile uncwadi lwesiXhosa kubantwana abancinci.

“Into esiye sayenza siye sathatha ababhali sabasa kanye ezilalini silungiselela ukuba incwadi abaza kuthi bayibhale ingqamane ngqo neemfuno zabantwana. Asifunanga kubhala ngezinto ezenzeka kude eRhawutini, sifune le yenzeka umhla nezolo kwiindawo abahlala kuzo.

“Abantwana ngoku baza kubanomdla wokuzifunda ezi ncwadi kuba baza kube bezibona, kwaye bethetha ngezinto abazaziyo nezibangqongileyo,” utshilo uGqirha Sotuku.

Uthi bafuna ukuba abantwana bakwazi ukuthetha ingakumbi ulwimi lwabo. Abazali abaninzi bafuna ukuba abantwana babo bahlohlwe ngesiNgesi, utshilo uSokutu.

Uthi abal’into kodwa phambi kokuba bahlohlwe isiNgesi eso kufuneka kuqala babenesigama sesiXhosa.

“Sizama ukukhuthaza abazali nabantwana ukuba lubalulekile ulwimi lwesiXhosa, kwaye iza kutsho ibe lithuba lokuba umzali ayibone ingqondo yomntwana wakhe ukuba isebenza njani na xa embuza imibuzo ngemifanekiso le ingaphakathi encwadini.

Abanye bababhali nguSiyasanga Madyibi obhale incwadi ethi ‘Ibali Lam’ enemifanekiso ngaphakathi elungiselele abantwana.