Iinzame zokusindisa abakhwetha

Kumalinge okulwa ingxaki zasebakhwetheni isebe lentsebenziswano kurhulumento nemicimbi yemveli lizakuqalisa ukujikeleza nanjengoko liqala ixesha lokwalusa abantwana lasebusika.

Othethe egameni lela sebe uMamnkeli Ngam uthi isebe lakhe lizakumisela amaphulo kwindawo ezahlukileyo zephondo ngeenjongo zokuphungula iingxaki zokubhubha kwabantwana eSuthwini.

“Ngomhla wesibini sizakuba sibambisene nomasipala wesithili sase- Chris Hani simisela iphulo lolwaluko lasebusika, emva koko sizakuba sisiya OR Tambo eNgquza Hill,” uthethe watsho uNgam.

IMpuma Koloni ibelihlazo kunyaka ophelileyo ngokubhujelwa ngabakhwetha abakumashumi amane eSuthwini ilelona phondo libaleke phambili.

Sele zikho iindawo ezahlukileyo zephondo leMpuma Koloni esele ziqalile ukwalusa abantwana. “Sifumana iingxelo zokuba eMthatha kukho iindawo esele ziqalile ukwalusa, akwaba bekunokulandelwa umthetho kuyo yonke lo nto,” utsho uNgam.

Kwiveki ezayo kuzakumiselwa iphulo lephondo leMpuma Koloni elijoliswe ukulwa iingxaki zolwaluko ephondweni. “Kule veki izayo sizakuba sidibene neeNkosi, abahlali, ingcibi namakhankatha phaya eBhisho simisela iphulo lokwaluka ephondweni ngokubanzi,”ucacise watsho uNgam.

Ngamadoda angaphezu kwamashumi amabini athe aphulukana nobudoda bawo ngenxa yeempazamo zaseSuthwini.

Iingxaki zaseSuthiwini zibangele ukwahlukana okukhulu kubantu beMpuma Koloni ngenxa yenani labantwana ababhubhela eSuthwini.

Abanye abantu bephondo baxhasa umbono wokuba abantwana bathunyelwe esibhedlele, lo gama abanye bemi kwelokuba kulungile ukwalusela abantwana entabeni.