Iinzingo nomngcipheko wabahlala ematyotyombeni

KUKHO iindawo zamatyotyombe ezilikhulu elinamashumi amahlanu anesithandathu (156) eBuffalo City kwaye ubuninzi (56%) babantu abahlala kula matyotyombe sele behleli kuwo into engaphaya kweminyaka engamashumi amabini.

Kodwa ingaba ayongxelo endala le kuba iBCM yayiyenze kwisithuba seminyaka elishumi edlulileyo le ngxelo, ngokokutsho kukaVusi Gqomose oligosa leenkqubo kwiAfesis-corplan, umbutho ongenanto yakwenza norhulumente (NGO) oseSouthernwood eMonti.

“Xa besithetha necandelo lezamanzi nogutyulolindle eBCM, eli candelo liveze ukuba lifuna ingxelo eza kucacisa ngeemeko zabo bahlala ematyotyombeni kuba ingxelo yeBuffalo City malunga namatyotyombe yayenziwe ngo2010 kwaye ukusukela ngoko, iindawo zamatyotyombe zongezelekile kodwa umasipala akanayo le ngxelo,” kutsho uGqomose.

UGqomose ebencokolela I’solezwe lesiXhosa emva kwengxelo yephulo elithi Asivikelane (Masikhuselane ngesiXhosa) equlunqwe yindibanisela yemibutho engajonganga nzuzo futhi nengenanto yakwenza norhulumente. Le mibutho iquka iAfesis-corplan.

Ingxelo yale mibutho igxile kwaba masipala: City of Johannesburg, City of Ekurhuleni, Buffalo City Metro, City of eThekwini, City of Cape Town, Mossel Bay, Witzenberg, Knysna, Umsunduzi, Emfuleni, Cederberg naseMalahleni.

Umhlali waseMzamomhle eMonti ekhomba indawo engacocekanga UMFANEKISO: FACEBOOK/ AFESIS-CORPLAN

Kwinyanga ephelileyo iAsivikelane ibigqiba unyaka ukusukela oko yaqalwayo kweyoKwindla nyakenye.

UGqomose, uthi iBuffalo City isemva xa kuthethwa ngombandela wokwakhiwa kwezindlu, noxa nje yena urhulumente eyikhupha unyaka nonyaka imali yokuba makwakhiwe izindlu.

“Ukusiwa kweenkonzo eluntwini okufana namanzi, umbane, izindlu ibihleli ingeyonto ephala phambili kurhulumente. Inkxalabo yethu ibikukuba urhulumente aqhube ngesiqhelo, angahoyi abantu.

“Ngethuba lexesha lokumiswa kweentshukumo elizweni (lockdown), urhulumente uye wathi abantu kufuneka bathi gu bucala, bangadibani nenginginya. Umntu ohlala etyotyombeni akakwazi ukuyenza lo nto kuba kuxinene, indawo incinci,” utshilo uGqomose, encokolela I’solezwe lesiXhosa.

“Ngethuba kufika iCovid-19, izinto zivele zambi nangakumbi ematyotyombeni. Ingxelo yethu iyabonisa ukuba malunga ne45% yabantu abahlala ematyotyombeni iye yosulelwa yiCovid-19 ngethuba lomsinga wokuqala wolosuleleko (first wave).”

UGqomose ukwabalule umbandela wakwaNompumelelo eMonti apho izindlu zangasese zibeka esichengeni abantu ababhinqileyo, kuba azivaleki ngendlela eyiyo xa ubani engaphakathi.

“Lo mbandela wakwaNompumelelo ngumzekelo nje. Zininzi iindawo zasematyotyombeni ezinezindlu zangasese ezonakeleyo apho amanina asemngciphekweni kuba kwezinye zezi zindlu akukho macango. Xa imeko inje, abona bantu basemngciphekweni ngabantu ababhinqileyo kuba isidima sabo sihluthiwe.

“Ngethuba siqhuba eli phulo iAsivikelane, eyona nto iphala phambili kukufuna iinkonzo. Izindlu ngungqa phambili, kuze umbane, izindlu zangasese, amanzi neendlela,” utshilo uGqomose, ekwathi abantu abahlala ematyotyombeni ababalelwa kwi-40% bathe baphulukana nemisebenzi ngenxa yolwamvila lweCovid-19.

“Into esiyifumanayo kukuba abantu bajonge enkalweni kwinto abebeyithenjiswe ngurhulumente. Sibonile kweli phulo likaAsivikelane, ukuba abantu baxhalabile ngobomi babo xa kunqongophele iinkonzo.”

USiphiwe Mxenge wakwaNompumelelo nobeyinxalenye nohlolozimvo kwiphulo likaAsivikelane, uthi libancedile eli phulo kuba izindlu zangasese ebezikade zingasebenzi ziyasebenza ngoku. “Into efunekayo kukuba zongezwe ezi zindlu zangasese ukuze zibonele abantu. Nabantu bayafuna ukufundiswa ukuba bayikhathalele into yabo,” utshilo uMxenge.

KwiNtetho yoBume beSixeko nyakenye ngenyanga yeKhala, uSodolophu waseBCM, uXola Pakati, wathi umasipala sele wakhe izindlu ezingaphaya kwamawaka asibhozo ukusukela oko beqalile eofisini ngo2016.

“Asigungqi kwelokwakha izindlu ngendlela ezinzileyo ezilalini nasezilokishini, sikhokelwa ngumgaqo wokusondeza abantu kwiindawo ezineentshukumo zezoqoqosho kwanezithuthi (zokubasa kwezondawo).

“Ngoku sixakekile similisela iprojekthi yaseDuncan Village apho kwakhiwa izindlu ezingamawaka amahlanu. Oku kuza kubangela ukuba abantu abayi3174 basuke eDuncan Village ukuze kuvuleke indawo yokwakha izindlu ukuncedisa ekubulaleni ingxinano eDuncan Village,” watsho uPakati.