Iinzwakazi zaseMpuma Koloni eziselula ngeminyaka zilungiselela ukhuphiswano olusemgangathweni ophezulu oluza kube luseSunrise Hotel, eGqeberha, emini ngoMgqibelo. Lo mcimbi ongcotshileyo uququzelelwa yiKungawo Foundation ekhokelwa linenekazi ekuthiwa nguAsanda Mpini.
Sekulithuba uMpini esenza umsebenzi omhle ezilokishini apho khona abantwana amathuba okuba ngoonobuhle, ulwazi ngobomi kunye nezakhono eziza kubanceda bakwazi ukumelanga nengomso. Njengokuba kulindeleke abantombazana asakhulayo asuka nakwamanye amaphondo, abalapha ephondweni oonobuhle baza kukhokelwa nguKungawo Mpini xa bekhuphisana kuMiss Glitz and Glamour SA.
UKungawo, 10, uyintshatsheli ngoba unguMiss Tiny Port Elizabeth, Little Eastern Cape futhi ukwanguMini World. Emva komsebenzi omhle awenze ngaphambili, uKungawo wasungula iKungawo Foundation, ekhokelwa ngumama wakhe, ukuze akwazi ukunceda abanye abantwana.
Ethetha neli phephandaba kutshanje, umphathi weKungawo Foundation uthe eyona nto ephambili kukudibana kwabantwana abasuka kwiindawo ngeendawo eGqeberha. “Abantwana abaphumeleleyo baza kumela uMzantsi Afrika kwinqanaba lehlabathi. Okunye okubalulekileyo kukwakha ikhonkco lentsebenziswano phakathi kwabantwana banikwe nezakhono ezingqamene ngqo nale nto bayenzayo.
“Sizama ukubenza iinkokeli zangomso besebancinane abantwana,” utshilo uMpini echwayitile. Uyibethelele into ethi abazukuthwalisa isithsaba umntana kuba emhle, koko bafuna obonakalise ubunkokeli. Abantwana abaphumeleleyo baza kugoduka namawaka asibhozo erandi (R8,000) namanye amaqithiqithi asuka kwiKungawo Foundation.
Umphathi wayo iKungawo Foundation uthe nangona bezinze eGqeberha – kodwa isikolo sabo sifundisa abantwana ukuba ziinkokeli nezakhono ezibanceda bakwazi ukuma phambi kwabantu bathethe ngokuzithemba ngemiba ebalulekile yobomi.
UMakhaya Ntini uthi ukulungele ukuncedisa kwiKFC Mini-Cricket