Iivenkile zakwaShoprite nezakwaCheckers kuMzantsi Afrika uphela zimeme iiprojekthi zasekuhlaleni ezingaphezulu kwamashumi amathandathu (60), ezityala izitiya okanye iigadi zokutya ngoSuku lweMarike, zibanika ithuba lokuthengisa imveliso yabo kuluntu ngoLwesine, umhla we17 kweyeDwarha ka2024.
Iiprojekthi ezintlanu zaseMpuma Koloni beziphakathi kweeprojekthi zoluntu ezikhethelwe eli phulo.
Eli phulo lezi venkile linika abantu beprojekthi ithuba lokufikelela kubathengi abakhulu bezi venkile, apho banokunyusa ingeniso yabo ngelixa befumana amava okuthengisa.
Enye yeeprojekthi ezithe zaxhamla kweli phulo yiNtambanana Farming and Multipurpose Coop yaseMdantsane, eMonti.
USindiswa Maguma weIntambanana Farming and Multipurpose Coop uthe, “Sithengise isipinatshi, ikhaphetshu, ithyme, nebeetroot, kwaye imveliso yethu yokuqala yathengwa ngeyure nje enye. Imfuno yayiphezulu kangangokuba kwafuneka sizise enye imveliso.
“Igadi yethu iya kuqhubeka nokuthatha inxaxheba kwiiNtsuku zeMarike ezizayo, njengoko oku kusinika ithuba lokufikelela kubathengi abaninzi kwaye senze ingeniso eninzi – isinceda sikhule ngokuzinzileyo.”
USuku lweMarike lukwanika amafama asekuhlaleni ithuba lokusebenzisana kunye nokujongana ngqo nabathengi.
Isithethi sakwaShoprite, uLwazi Nopote uthi abathathi-nxaxheba bayinxalenye yeegadi zokutya zasekuhlaleni ezingaphezulu kwamakhulu amabini anamashumi amane anesibhozo (248) ezixhaswa ngabakwaShoprite kwanakwaCheckers kumazwe akuMzantsi eAfrika.
“Ukusukela ngo2015 ezi gadi zokutya zasekuhlaleni zibe nefuthe kubomi babantu abangaphezulu kwamashumi asibhozo amawaka (80 000). Iigadi ezixhaswa nguShoprite noCheckers zibonelela ngokufikelela kwimveliso enesondlo, kwaye namafama nawo afumana uqeqesho nenkxaso ukuzinzisa iinzame zawo.
“Eli phulo lidlulela ngaphaya kokwenza uluntu lufikelele kwiimveliso ezingekho ndala, ikwanceda ukwakha uluntu olunamandla nolukwaziyo ukumelana neemeko. Kulo nyaka-mali uphelileyo, ezi gadi zivelise imveliso engaphaya kwe88 000 kg,” utshilo uNopote.
EMpuma Koloni, ezi ziiprojekthi zasekuhlaleni ezithathe inxaxheba:
– Intambanana Farming and Multipurpose Coop – Shoprite Mdantsane City.
– Silverdale Womens Development NPC – Shoprite Gillwell Mall.
– Star Upliftment Food Garden – Shoprite King William’s Town.
– Wathint’ Abafazi – Shoprite Ziyabuya.
– Yizanazo Co-operative – Checkers Vincent.
Umrhanelwa obefunwa ubulawe ngamapolisa