Ijelo losasazo ngesiXhosa livuliwe eZimbabwe

Isikhululo sikanomathotholo sesiXhosa sivulwe eZimbabwe. Umfanekiso: Uthunyelwe

Mthetheleli Mazwai

Zimbini iiveki ngoku sisebenza ngokusesikweni isikhululo sikanomathotholo i-Ingqanga FM esisasaza ngesiXhosa eFingo Location, eMbembesi, eZimbabwe.

Ukuvulwa kwesi sikhululo liphulo lokuzama ukuphuhlisa ukuthethwa nokufundwa kwesiXhosa kwela lizwe ngamawaka esizwe samaMfengu esizinze kwela lizwe.

Othethela isikhululo, uNkz. Thandiwe Mjoli, uphawule wathi: “Safika apha kwiminyaka yowe1900 ukusa kowe1905 siyinxalenye yeePayineri (Pioneer Column) eyayikhapha uCecil John Rhodes.

“Ootatomkhulu bethu babesuka eFingo Location eyasise-East Bank eMonti ngalo maxesha, bazosikelwa amanxiwa apha njengembuyekezo yokusebenza kwabo,” kutsho uMjoli.

Uqhube wathi, “Ngokusungula eli jelo losasazo, sizama ukuxhobisa abantwana bethu ukuze bangasilibali isiXhosa kuba asifundiswa kumaziko emfundo akweli lizwe.”

“Utyelelo lwabasasazi bodumo, uPastor Nozewu, uMafa Bavuma kunye noMphathi wesikhululo soMhlobo Wenene FM, uLoyiso Bala, kwaphembelela ifuthe lokuba sivule isikhululo sethu sikanomathotholo,” kutsho uMkhuseli Nyawuza ethetha nale ntatheli.

I-Ingqanga FM 92.4 iphulaphulwa ngabantu baseFingo Location neziphaluka, apho bafumaneka khona abantu abathetha isiXhosa.

Eli jelo losasazo okwangoku lisebenza ukuqala ngentsimbi yesithandathu kusasa ukuya kwintsimbi yesithandathu ngokuhlwa kuba lisakhasa.

Babini abasebenzi abanamava – nguThandiwe Mjoli nogxa wakhe uFikile Mathonsi, bencediswa ngabafundi besikolo samabanga aphakamileyo abasibhozo

Itshantliziyo lolwimi lwesiXhosa phantsi kweSojini Cultural Group (SJC) noyinzalelwana yaseMnyameni, uDarlington Ntuli, ungomnye wabo bancedise kakhulu kweli phulo kwaye sevela eFingo Location ukuza kubona iziqhamo zalo msebenzi weSJC.

UNtuli uthe: “Siyavuya kuba selide laba yimpumelelo eli phupha lamaMfengu, ngoku sizama ukuqokelela oko sinako ukuncedisa abo baphangela kweli ziko mihla le, siqokelele imali yokuhlawula amagqwetha asincedisileyo.”

UNtuli uqukumbele ngelithi, “Ndikwaqokelela neencwadi namaphephandaba esiXhosa amadala, ukuze sixhobise abantwana kwizikolo zaseFingo Location ukuba bakwazi ukufunda nokuthetha isiXhosa esisiso.”