IJONGENE neminye imiceli mngeni yeentatheli ezigxothwe kweli ziko iSABC. Intatheli uVuyo Mvoko ubhenele kwinkundla ephakamileyo ekhalazela ukunganikwa thuba lokusebenza susela oko wathi waphumela elubala ngentlungu ayifumene kweli ziko.
UMvoko osebenza njengentatheli ezimeleyo, ukhala ngelithi ukunganikwa mathuba kuphazamisana nelungelo lakhe lokwamkela umvuzo. Amaxwebhu angeniswe nguMvoko enkundleni, achaza inyathelo likaSABC njengesigrogriso esifana nezinye iingxaki azifumene kweli ziko.
Kananjalo imanyano yabasebenzi iBEMAWU emele iintatheli ezimbini zeli ziko, uLukhanyo Calata kwakunye noBusisiwe Ntuli, nayo kulindeleke ukuba inkundla yezengqesho ichophele elayo idabi. NgoLwesihlanu, iSABC nemanyano iSolidarity bebe kule nkundla. Igqwetha leSolidarity uSteven Bundlender utyhole eli ziko ngokunyhasha amalungelo eentatheli emva kokugxotha ezintatheli ngokuchasa inkqubo yokusasaza ebifuna ingaboniswa imiboniso yodushe lwasesidlangalaleni. Igqwetha leSABC uThemba Sikhosana uthe, into egxothise ezintatheli kukuya enkundleni emva kokunikwa iileta ezibabizela kwinkqubo yoluleko. Uthe le nkundla akumele isiphulaphule esi sicelo, njengoko kusafanele sidlule eCCMA. Ijaji yenkundla yengqesho uRobert Lagrange kulindeleke ukuba awise isigwebo namhlanje.
Ukanti sekuqokelelwe imali ebalelwa kwi-R360 000 kwiphulo lokuxhasa ezintatheli nelisungulwe ngunongxowa weSANEF uAdriaan Basson.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?