Ijongene netyala lokubetha iNkokeli yeSANCO eNgcobo

USEKELA sihlalo wombutho
wabahlali iSANCO kwingingqi yaseNgcobo uBantu Songca uvele enkundleni ngoLwesithathu
nalapho ajamelene netyala lokubetha, ukukhuthuza izitshixo zesakhiwo iTransido
kule dolophu kwakunye nokugrogrisa.

Oku kulandela ityala
elifakwe nguKholiswa Ngozi, ongumanejala wenkampani eqeshwe ngumasipala waseNgcobo
ukuba ihlaziye esi sakhiwo.

UNgozi utyhola ngelithi
ngomhla weshumi elinesibhozo kuMeyi uSongca wambetha emgrogrisa ehamba negquba
lamalungu alo mbutho.

UNgzi uxelele inkundla
ukuba ukuphulukana kwakhe nezitshixo zesi sakhiwo kwabeka ibala elibi egameni
lakhe wavela njengomntu ongenako ukuthenjwa ngumqeshi wakhe ngokuba ngumanejala.

Igqwetha likaSongca libize
amangqina awayekhona ngalo mhla wesi sehlo kodwa akukho namnye kuwo othi wabona
uSongca ebetha lo manejala.

Eli gqwetha lixelele
inkundla ukuba amalungu eSANCO ayebambe uqhankqalazo oluzolileyo ekhalazela
ukukhutshwa kwawo kwesi sakhiwo.

ITransido ihlaziywa ngokutsha
ngumasipala ngeenjongo zokuba abo bashishina kule ndawo bahlawule imali
yokuqesha indawo kwesi sakhiwo.

Oosomashishini abasebenzisa
esi sakhiwo abahambisani noku, kwaye seso sizathu esakhokelela ukuba amalungu eSANCO
athathe izitshixo ngetshova kuNgozi.

Ebevaliwe amashishini
aseTransido, amalungu kaSANCO esithi anika inkxaso kuSongca.

Bebonke bathi lulwimi
etywaleni into yokuba uNgozi wabethwa nguSongca, kuba into abayenzayo kukuxutha
izitshixo kuye bavula ii-ofisi abashishina kuzo.

Eli tyala limiselwe
umhla weshumi elinethoba kule nyanga apho inkundla kulindeleke ukuba iwise
isigwebo.