Ijongene netyala lokubetha iNkokeli yeSANCO eNgcobo

USEKELA
sihlalo wombutho wabahlali iSANCO kwingingqi yaseNgcobo uBantu Songca uvele
enkundleni ngoLwesithathu nalapho ajamelene netyala lokubetha, ukukhuthuza
izitshixo zesakhiwo iTransido kule dolophu kwakunye nokugrogrisa.

Oku
kulandela ityala elifakwe nguKholiswa Ngozi, ongumanejala wenkampani eqeshwe
ngumasipala waseNgcobo ukuba ihlaziye esi sakhiwo.

UNgozi
utyhola ngelithi ngomhla weshumi elinesibhozo kuMeyi uSongca wambetha
emgrogrisa ehamba negquba lamalungu alo mbutho.

UNgzi
uxelele inkundla ukuba ukuphulukana kwakhe nezitshixo zesi sakhiwo kwabeka
ibala elibi egameni lakhe wavela njengomntu ongenako ukuthenjwa ngumqeshi wakhe
ngokuba ngumanejala.

Igqwetha
likaSongca libize amangqina awayekhona ngalo mhla wesi sehlo kodwa akukho
namnye kuwo othi wabona uSongca ebetha lo manejala.

Eli
gqwetha lixelele inkundla ukuba amalungu eSANCO ayebambe uqhankqalazo oluzolileyo
ekhalazela ukukhutshwa kwawo kwesi sakhiwo.

ITransido
ihlaziywa ngokutsha ngumasipala ngeenjongo zokuba abo bashishina kule ndawo
bahlawule imali yokuqesha indawo kwesi sakhiwo.

Oosomashishini
abasebenzisa esi sakhiwo abahambisani noku, kwaye seso sizathu esakhokelela
ukuba amalungu eSANCO athathe izitshixo ngetshova kuNgozi.

Ebevaliwe
amashishini aseTransido, amalungu kaSANCO esithi anika inkxaso kuSongca.

Bebonke
bathi lulwimi etywaleni into yokuba uNgozi wabethwa nguSongca, kuba into
abayenzayo kukuxutha izitshixo kuye bavula ii-ofisi abashishina kuzo.

Eli
tyala limiselwe umhla weshumi elinethoba kule nyanga apho inkundla kulindeleke
ukuba iwise isigwebo.