Ijoni lokuqala lasetyhini kumbutho wePAC, uNomvo Booi waseDutywa, ushiya ngasemva umzila ongenakucima lula ngenxa yokuzinikela kwakhe kwidabi likaPoqo.
Le nkosazana yaseAfrika izimanye nedabi lomzabalazo kaPoqo ngeminyaka yo 1963 yaza yadlala indima enkulu eMzantsi Afrika nakumazwe angaphandle.
Igqala lePAC uWaters Toboti uyalazi eli jonikazi laseAzania. “Mna ndidibene naye ngo 1963 sisevenini eyayimsa kwaNongqongqo nam ndisiya khona kodwa ndizakugqithiselwa eRobben Island kamva,”uthethe watsho uToboti.
Le nkosazana ibisebenzisa ihashe ukujikeleza kwiilali zase- Gcuwa naseDutya esasaza idabi lomzabalazo lombutho wePAC.
“Engekaphumi ngaphandle ebengumrhubuluzi ozima phakathi koMzantsi Afrika nelizwe lase Lesotho, ethutha imali kunye neencwadi zemfundiso ngombutho we- PAC,”utsho uToboti.
Emva kokuphuma kwakhe esiseleni ngonyaka ka 1966 uqale apho ebeyeke khona nedabi lokukhululwa kwabantu base- Afrika.
“Imali yokwakha ilitye lengcwaba likaRobert Sobukhwe eGraaf Reinet yayakuthathwa nguye eLesotho kuba ebenguchwephese xa kuthethwa ngokutsiba imida, kodwa iingxaki zokubanjwa bezingamyekanga njengathi sonke,”ucacise watsho uToboti.
Le ngxelo ithi, umbutho we- BCM phantsi kukaSteve Biko wawuthungelwa nguye izikipa nezinye izinto zokunxiba kuba wayengumthungi ophume izandla.
“UNomvo uhambe onke amazwe aseAfrika kuba kamva waye wabizelwa elubhacweni ngumbutho wePAC, kulapho afike wanikwa uxanduva olubanzi, ebejikeleza ehlabathini efuna imali nenkxaso ukuze kuzinziswe umbutho,”uchaze watsho uToboti.
UNomvo Booi ubhubhe kwiveki ephelileyo ngoLwesine umhla wamashumi amabini anesibhozo emva kwengulo ende, inkonzo yomngcwabo wakhe izakuqhutyelwa eTrinity Church eMonti.
“Kuye ndingathi hamba kakuhle Poqo, kodwa ndinombuzo kubo, wokuba basishiya nabani silusapho lombutho wePAC,” uvale ngelo uToboti.
siyabulela.mqikela@inl.co.za
iMamelodi Sundowns inyathele iMpheni Defenders emdlalweni weNedbank Cup