Ikamva lomfundi liqaqambile ngokusebenzela iSANRAL

UZolile Mzobe xeshikweni kusakhiwa ibhulorho

EBhayi:

Umfundi weSebe lezobuNjineli, uZolile Mzobe, zange ajonge mva mhla waqala ukusebenza kwiMsikaba North Haul Road Project kaSANRAL.

Kwadlula ithuba ekhangela umsebenzi emva kokugqiba izifundo zakhe zobuNjineli kwiYuniversithi iWalter Sisulu, eMpuma Koloni.

Kodwa kwathi ngenye imini wabona isakhiwo se-Ofisi seMsikaba Bridge Project wathatha isigqibo sokuba azame ukufuna umsebenzi khona. Wafaka iCV yakhe, kungekudala emva koko waqeshwa nguGrinaker owambambisa eKrweba Trading.

“Ngoku ndiyintloko kwaye umsebenzi wam kukujonga nokuqinisekisa ukuba wonke umsebenzi wenziwe ngokwendlela efanelekileyo. Xa kukho izinto ezifunekayo emsebenzini, ndim okumele axelele uMncedisi – umnikazi wale nkampani yokwakha endiyisebenzelayo,” utshilo uZolile.

Lo ngumsebenzi wakhe wokuqala wobugcisa kuye, kwaye uyavuma ukuba sele efunde lukhulu kwixesha elifutshane esebenza kule nkampani.

UZolile uthi waqala ukusebenza kule projekthi kwinyanga yoKwindla ngonyaka ka2017. Le projekthi yamnceda kakhulu kwaye ufuna ukuqhubekeka esebenza kuyo. Kungekudala ufuna ukuqhubeka ngezifundo zakhe ade afumane isidanga seBTECH, aqhubekeke enze iHonours kwisebe lobuNjineli. Unqwenela ukuba neshishini lakhe lokwakha emva kokufumana amava amaninzi kweli sebe.