Ungafunga uthi akukho mthetho ubekiweyo wokuba kuhlalwe ezindlini kungaphithizelwa ezitratweni nguMongameli welizwe, kodwa kwilokishi yaseCambridge eMonti akunjalo ngenxa yoluntu olugcwele izitrato zala lokishi.
Unobangela woku ke, ngokwempendulo esiyifumeneyo kukuba “yindlala” eyenza loo nto. I’solezwe likuqaphele oku ngethuba ivenkile uOK Foods eCambridge kwakunye neYoung Madiba Production zityelele le lokishi uyokususa ikati eziko, benikeza ngento esiwa phantsi kwempumlo.
UOsmond Ningi obemele le venkile nokwangumhlali kule lokishi uthi, uyazi ukusuka nokuhlala le lokishi yenye yeendawo egcwele ulutsha olungaphangeliyo neyindawo ekwaxhomekeke kwimali yesibonelelo sikarhulumente.
Uthi ikwanawo nomcelimngeni wokungabi nazindlu njengoko uninzi ingamatyotyombe.
“Abaninzi bebeye bayokuzama into etyiwayo edololophini kodwa ngoku abakwazi ngenxa yeLockdown. Oku ziinzame zokubakhuthaza bahlale ezindlini ukuze kunganwenwi intsholongwane yeKhorona,” utshilo uNingi.
Uthi bayakwazi ukuba abantu belishumi bahlale kwindawo enye, ufumanise ukuba kuphangela ababini kuphela kolo sapho.
Uthi kungoko le venkile ibone kubalulekile ukuba ingenelele ngokunceda aba bantu. UAfrika Maxongo oyinkokheli yabahlali nokwangomnye wabaququzeleli beli phulo lokuncedwa nokutyiswa kwabantu, uthi kukhulu okwenziwa nguOk Foods yanga nabanye oosomashishini baseMonti bangazeka mzekweni benceda uluntu olungathathi ntweni ngokuthi baphose esivivaneni.
Uthi baseza kuqhubekeka besenza oku de kube kubuyela izinto esiqhelweni eMzantsi.
UAyanda Mbatyoti, umsunguli weYoung Madiba Production, nowaziwa kakhulu ngokufana noNelson Mandela, uthi oku ikwaziinzame zokunqanda ulutsha ukuba lungayokumosha luyazi ukuba noko ikhe ibe khona into esiwa phantsi kwempumlo kwiindawo zabo zokuhlala.
Uthi baza kuqhubekeka bebeka uncumo ebusweni babantu abatsala nzima de kufike umhla weshumi elinesithandathu owabekwa nguMongameli.
UNeliseka Ntshangase, 8, ofunda eGcobani Primary ebengomnye wabantwana abebedlala esitratweni, uthe ufuna ukubuyela esikolweni ngoku “ubhorekile” kukuhlala elokishini elambe nokulamba kwaye kungekhonto bayenzayo.
Inkondekazi ebonelelweyo nayo uNaziwe Florence Vula, 93, ebulela ngento esiwa phantsi kwempumlo ayifumeneyo. Uthe akukho nto bayisolayo kuba uMongameli unceda kwathina kwisigqibo asithathileyo.
“Ixhala ngabantwana aba bethu bagcwalise isitrato, andibasoli nabo, akukho kutya emva. Siyabulela kuOk Foods ngokuthi gqolo esibonelela kuba kwapeyi leyo ayihlali,” uvale ngelo ugogo.
Kubhubhe abayi-45, konzakala omnye kwingozi yebhasi eLimpopo